﻿
Isicelo sokubhalisa iyuniyoni yabasebenzi kunye neyabaqeshi kwiSebe leZabasebenzi    





Inkcazelo 

Iyuniyoni ngumbutho wabasebenzi ophakamisa kwaye okhusela iminqweno yamalungu ayo kwimibandela efana nemivuzo kunye neemeko zokusebenza, ngakumbi ngokothetha-thethwano nabaqeshi.

Ubhaliso lweeyuniyoni luwela phantsi kwemisebenzi yoMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi . Ukubangaba ufuna ukubhalisa iyuniyoni, kufuneka uthumele ezi zinto zilandelayo kuMphathi woBhaliso:

Iikopi ezintathu ezishicilelweyo zomgaqo-siseko weyuniyoni
Uluhlu oluneenkcukacha zamagosa eyuniyoni, oluchaza izikhundla zabo okanye imisebenzi abayenzayo.
Idilesi yee-ofisi ezibhalisiweyo zeyuniyoni

Ikopi nganye yomgaqo-siseko mayisayinwe nguNobhala nanguMhlali-Ngaphambili, bezivuma ukuba ziikopi zokwenyani.




Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi. 

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa iikopi ezimbini zefom yesicelo.
Faka iikopi ezintathu zomgaqo-siseko weyuniyoni  kwifom yesicelo eya kuthunyelwa kuMphathi woBhaliso .
Ikopi nganye yomgaqo-siseko mayisayinwe nguNobhala nanguMhlali-Ngaphambili, bezivuma ukuba ziikopi zokwenyani.
Posa okanye thumela ngefeksi esi sicelo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi . 



Umthetho osetyenziswayo 

Labour Relations Act, 1995 , Section 96 (UmThetho woBudlelwane beZabasebenzi



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ixesha elifika kwiintsuku ezingama- 30 ukuze kubhaliswe iyuniyoni.

Iindleko Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezizaliswayo



Application for registration of a trade union, Form LRA 6.1:
Application for registration of an employers organisation, Form LRA 6.2:

Inkcukacha zonxulumano




