
Isicelo sokubhalisela ukuvota
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukuze ufaneleke okanye ulungele ukuba uvote kunyulo lukazwelonke, olwephondo okanye unyulo lukamasipala, kufuneka ubhalisele ukuvota kweso sithili uhlala kuso. Oku kubalulekile ingakumbi kunyulo loomasipala ngenxa yokuba unokuvota kuphela kwisithili owawubhalise kuso. Wakuba ubhalisile zaze iinkcukacha zakho zangqinisiswa kwiRejista yabemi belizwe, igama lakho liya kufakwa kuMqulu woluhlu lwabaVoti oyi-National Common Voter's Roll.

Ukuze ufaneleke ekubeni ubhalise kufuneka:

Ube ngummi waseMzantsi Afrika
Ubeneminyaka eli-16 ubudala okanye ngaphezulu
Ube nesazisi sazeMzantsi Afrika .

UMqulu woluhlu lwabaVoti uyavalwa ukulungiselela unyulo kanye ngalo mhla wonyulo kolo nyulo luthe ngqo luthe lwabhengezwa kwiGazethi kaRhulumente.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Bhalisa ngokwakho buqu kwisikhululo sokuvota kwisithili sokuvota apho uhlala khona ngexesha lokubhalisela ukuvota.
Bhalisa nangaliphi na ixesha ngethuba leeyure zokusebenza kwiKhomishoni yoNyulo eZimeleyo
Phatha isazisi sakho .
Zalisa ifom yokwenza isicelo efanelekileyo.
Igosa lobhaliso liya kufaka istikha kwincwadi yesazisi  yakho enenombolo yesithili sokuvota kuyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Electoral Commission Act, 1996  
Constitution of the Republic of South Africa, 1996) 
Electoral Act, 1998  
Local Government: Municipal Structures Act, 1998  
Local Government: Municipal Demarcation Act, 1998  
Local Government: Municipal Electoral Act, 2000  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo sakho sokubhalisa siya kusingathwa ngokukhawuleza.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom ziyafumaneka kwii-ofisi zokubhalisa.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


