
Isicelo sokubhalisa umhlaba wokufuya iinyathi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Nabanina onqwenela ukufuya iinyathi kufuneka aqale abhalise umhlaba lowo kwiSebe leZolimo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifom yesicelo kwi-website uze uyigcwalise ngoonobumba abangadityaniswanga. Ungayifumana ifom nakwi-ofisi yogqirha wezilwanyana wombuso okwindawo ohlala kuyo.
Cela ugqirha wezilwanyana wombuso okwindawo ohlala kuyo ahlole umhlaba nocingo kwaye angqine ngobume beenyathi ngokwezifo.
Intloko yeenkonzo zezilwanyana kwiphondo kufuneka inike ubungqina bokuba, zikho izinto eziyimfuneko zokubeka iliso rhoqo kwiimeko zefama, zonke iintshukumo nokuhambahamba kweenyathi xa zingena kwifama naxa ziphuma kuyo kungajongwana nazo ngokufanelekileyo kwaye izinto ezingahambi njengesiqhelo ziyakuqwalaseleka ngaphandle kokulibazisa.
Isicelo kufuneka sikhatshwe zezi ncwadi zilandelayo:

isatifiketi esigunyazisiweyo sokurhangqeleka okufanelekileyo esikhutshwe ngoogunyaziwe bolondolozo lwendalo
ikopi yemephu ebonisa nqo ukunaba nobungakanani bomhlaba ocelwayo.



Hambisa isicelo kuManejala oMkhulu weMpilo yeZilwanyana, iFeksi:  329-0499.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Diseases Act, 1984  with amendments  with amendments
Animal Health Act, 2002 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ixesha elithatyathwayo ukuze kuvunywe isicelo lahluka ngokwephondo. Sakuba sivunyiwe isicelo, sithunyelwa kwiSebe leLizwe leZolimo.

Amagosa kwisebe lelizwe akhupha inombolo yobhaliso egunyazisiweyo, afake inkcazelo kwincwadi yelizwe ebhalise iinyathi aze aprintele umnini-mhlaba isatifiketi sobhaliso. Le nkqubo ingathabatha iintsuku zokusebenza ezilishumi.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for the registration of land for keeping buffalo 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano



