
Isicelo sobhaliso njenge-arhente yokungenisa elizweni ngokuphathelele kwizixhobo zofuzo lwezilwanyana
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

I-arhente yemvume yokungenisa elizweni ngokuphathelele kwizixhobo zofuzo lwezilwanyana kufuneka ibhaliswe ku-Registrar of Animal Improvement  phambi kokuba ingenise izilwanyana elizweni okanye izixhobo zofuzo ezifana ne-embriyo, ii-ova okanye incindi yobudoda apha eMzantsi Afrika.

Kufuneka i-arhente yokungenisa elizweni ithobele izinto ezilandelayo:

isakhelo kufuneka sibenazo zonke izixhobo ezimiselweyo malunga nokusebenza ngezixhobo zofuzo lwezilwanyana
ilebhu kunye nesakhelo sokuqinisekisa serhafu yokungenisa elizweni kufuneka silandele imiqathango esezantsi emiselweyo
abaqeshi kufuneka bafaneleke ukusebenza ngencindi yobudoda.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngokupheleleyo wenze iikopi ezimbini. Ifomu kananjalo ingacelwa ku-Registrar of Animal Improvement .
Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiswa kumenzi wesicelo.
Isicelo kufuneka siqinisekiswe ngugqirha wezilwanyana ogunyaziswe ukwenza njalo yi-South African Veterinary Authority .
Intlawulo echanekileyo kufuneka ikhaphe isicelo ngasinye. Yenza itsheki okanye iposoda ehlawuleka ku-: The Director-General: Agriculture. Iinkcukacha zebhanki zezi:
Standard Bank
Isebe: Arcadia
Inombolo yeAkhawunti: 011219556
Ikhowudi yesebe: 000845/010845
Thumela ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukuhlelwa kwesicelo kungathatha iintsuku ezingama-30.

Entla

Iindleko

R104

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for registration as an import agent for animal genetic material 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


