
Yenza isicelo sokubhalisa njengebhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo    

Inkcazelo

AmaBhunga eeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo  ajongana nezivumelwano ezihlanganelweyo, asombulula iimpikiswano zemiba yezabasebenzi, aseka izicwangciso zezikim ezithile kwaye aphawule kwimigaqo nemithetho yezabasebenzi.



Imibutho yabasebenzi  kunye nemibutho yabaqashi ingenza izicelo zokuseka amabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi. 



Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo ngokoMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi  kwiSebe leZabasebenzi ukuze ubhalise ibhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.

Thumela ezi ncwadi zilandelayo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi:

Iikopi ezimbini zeSicelo sokuBhalisa iBhunga leeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo 

Iikopi ezintathu zomgaqo-siseko webhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo

Imizuzu yentlanganiso apho imibutho yabasebenzi neyabaqashi ivumelene khona ngokuqalisa ibhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo


Nayiphina enye inkcazelo engqamene noku




Umthetho osetyenziswayo

Labour Relations Act, 1995 , Section 29 




Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ithuba elifika kwiintsuku ezingama 60 ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho.



Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa



Iifom ezigcwaliswayo
Application for Registration of Bargaining Council, Form LRA3.3 

Iinkcukacha zonxulumano


