
Isicelo sobhaliso lwesikhululo sovavanyo lwemoto
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isikhululo sovavanyo lwemoto liziko elivavanya iimoto likhuphe isatifiketi sokulungela ukuhamba endleleni.Kukhona izikhululo zovavanyo lwemoto ezizimeleyo nezikarhulumente. Zonke izikhululo zovavanyo lwemoto kufuneka zibhaliswe, zinikwe izinga lokusebenza ngaphambi kokuba zikhuphe isatifiketi sokulungela ukuhamba endlelen. Lisakufumana isicelo iCandelo lezoThutho lizakuthumela umhloli ayokujongisisa ukuba isikhululo sovavanyo abone ukuba siyilandele imithetho yobugcisa obubeka isikhululo emgangathweni wobhaliso obekwe yingqokelela yemithetho Yolawulo loMgangatho yase Mzantsi Afrika .

Ukuphumelelangobugcisa kubhekiselele ezintweni zokusebenza zesikhululo sovavanyo noqeqesho abalugqibileyo abavavanyi bemoto.

Izikhululo zovavanyo ezibhalisiweyo zingavavanya kuphela iimoto ngokomgangatho wesikhululo eso.

Ukubhalisa isikhululo esizimeleyo sovavanyo lwemoto, dibana ne ofisi lamagosa endlela ekufutshane ufumane ulwazi oluphangalele.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifomu I-TS1, ifomu lesicelo sobhaliso lesikhululo sovavanyo kwi ofisi yamagosa endlela ekufuphi nawe.
Thumela incwadi yakho yesaziso neyomntu omele abalawuli xa isicelo usenzela isikhululo sovavanyo.
Kungafuneka uthumele amanye amaxwebhu afunwa yiNkulu Mbuso .
Bhatala imali ebekiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

IKungathabatha iinyanga ezintandathu ukuphonononga isicelo.

Entla

Iindleko



