﻿

Isicelo sokubhalisa uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo 



Inkcazelo

Uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye iinkonzo  ligama lohlobo oluthille , intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ezithile  okanye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ezithile . I-trade mark ichaza iinkonzo okanye impahla nezinto zomntu kwaye yenza zicace kwaye zahluke kwimpahla nezinto kunye neenkonzo zomnye umntu. Imizekelo ibandakanya le ilandelayo:

Igama lohlobo : Standard Bank
Intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo : "Simpler, Better, Faster" 
Uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo : uphawulo lwe-Nike olulolu "v", okanye i-MacDonalds "M"
Ulwakheko olungqalileyo: Ibhotile ye-Coca Cola

Ngoko ke, igama lohlobo  ligama okanye intlanganisela yamagama . Intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo , libinzana elifutshane okanye isivakalisi esifutshane kwaye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo  ngumfanekiso okanye uphawu lokwahlula. Ezi mpawu zinika ulwaziso olwahlukileyo, kwintengiso, kwaye zingasebenziseka kwiimveliso nakwiinkonzo.

Xa uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye iinkonzo , sele libhalisiwe, akukho mntu ongomnye ongasebenzisa olu phawu okanye eli gama okanye asebenzise elifana nalo. Ukuba oku kuyenzeka, kungalandela amanyathelo asemthethweni. Kuke kwakho amatyala akwizinga eliphakamileyo eMzantsi Afrika afana naxa i-MacDonalds  yathi yamangalela umthengisi wokutya okuphekwa ngokukhawuleza  eMzantsi Afrika owayesebenzisa uphawu olufana nele-MacDonalds elino "M".

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi: Companies and Intellctual Propert Registration Office.

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neCompanies and Intellctual Propert Registration Office.
Fumana ifom ekuthiwa yi-TM1 kwaye uyigcwalise ngokuphindwe kathathu. Iikopi ezimbini zisetyenziswa yi-ofisi kwaye eyesithathu igcinwa nguwe njengobungqina besicelo sakho.
Qala uhlawule imali yobhaliso okanye uyihlawule xa usisa isicelo.
Ukuze ubone udidi olufanelekileyo lwempahla okanye lweenkonzo zakho, yiya kwi: Nice Classification – yohlelo lwesi 8  e: Kungenjalo tyelela i-ofisi yethu e-Pretoria.
Gcwalisa udidi kwicandelo 51 lefom ekuthiwa yi-TM1.
Bhala zonke impahla nezinto okanye iinkonzo ofuna ukusebenzisa kuzo uphawo okanye igama lokwazisa ngezi mpahla nezinto okanye ngezi nkonzo  kwicandelo 57 lefom ekuthiwa yi-TM1.
Uqaphele kwaye ulumke kakhulu ungafaki impahla nezinto okanye iinkonzo ezikwiindidi ezahlukeneyo kwisicelo esinye sophawu okanye segama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo. Ukuba wenza njalo, uyakucetyiswa ukuba ulungise inkcazelo ibandakanye impahla nezinto okanye iinkonzo zolo didi luxeliweyo. Kwezinye, kuyakufuneka ufake isicelo esahlukileyo ngokutsha.
Icandelo 74 lefom ekuthiwa yi-TM1 "ye-adresi yenkonzo"  yi-adresi oyakufumana kuyo zonke iincwadi zonxibelelwano olusuka kwi-ofisi yeeMpawu naMagama okwazisa ngeMpahla neZinto okanye ngeeNkonzo . Xa le adresi ingatshintsha, kufuneka wazise iSebe ngolo tshintsho ngokucela "ukutshintsha kwe-adresi yeenkonzo"  kwifom ekuthiwa yi-TM2.
Sakuba isicelo sakho sihambisana nazo zonke iimfuneko ezigunyazisiweyo, uyakunikwa umhla nenombolo yesicelo. Lonke unxibelelwano olulandelayo oluqhutywa ne-ofisi luyakubanale nombolo yesicelo. Nangona nje kuthabatha iinyanga ezili 18 ukuze kubhaliswe uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo , ungaqalisa ukuyisebenzisa i-trade mark kwamsinyane emva kokufumana inombolo yakho yesicelo.
Ukubangaba i-trade mark yakho yamkelwe ngaphandle kwemiqathango, kuyakufuneka ufake isibhengezo sokwazisa ngayo  kwi-Patent Journal, epapashwa qho ngenyanga nguMshicileli kaRhulumente .
Emva koko ke uluntu lunikwa ithuba leenyanga ezintathu ukuze lufake iinkcaso.
Ukubangaba kukho inkcaso efunyenweyo, uMphathi woBhaliso lwee-Trade Marks ubiza intlangano yokumamela izimvo phakathi komenzi-sicelo nomchasi okanye abachasi.
Ukubangaba akukho nkcaso ifunyenweyo, siyakhutshwa iSatifiketi soBhaliso loPhawu okanye lweGama lokwazisa ngeMpahla neZinto okanye ngeeNkonzo .
Tsalela umnxeba kwiziko le-dti lokunxulumana neekhastoma .
Hlawula ebhankini usebenzise uvimba wophawu lweekhastoma.

Umthetho osetyenziswayo

Trademark Act, 1993  UMthetho weeMpawu okanye aMagama okwazisa ngeMpahla neZinto okanye ngeeNkonzo

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iminyaka emibini ukuze kugqityezelwe ubhaliso lophawu okanye lwegama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo.

Iindleko

R85, yokufunisa nokukhangela iimpawu ezikhoyo okanye amagama akhoyo okwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo

R266, yodidi ngalunye lophawu okanye lwegama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo

Iifom ezigcwaliswayo

Application for registration of a trade mark, TM1 
Application, notification or request to the Registrar, TM2 

Inkcukacha zonxulumano



