﻿

Isicelo sokubhalisela ukubangumnxulumanisi we-CIPRO





Inkcazelo

I-Ofisi yokuBhalisa iiNkampani kunye neMpahla neZinto eziyiMveliso yeNgqondo , nguye nawuphi na umntu okanye ishishini elidlala indima yokuba ngumngeneleli phakathi kwekhastoma kunye ne-Ofisi yokuBhalisa iiNkampani kunye neMpahla neZinto eziyiMveliso yeNgqondo, ekuthiwa yi-Companies and Intellectual Property Registration Office . Abanxulumanisi  kufuneka babhalise kwi-CIPRO. EMzantsi Afrika kukho iintlobo ezahlukeneyo zee-arhente, ezifana namagqwetha, iifemu zomthetho, iibhanki, abaphicothi beencwadi zemali, amanye amashishini kunye nabantu abazisebenzela bucala.

Bonke ababandakanyeki abanxulumana okanye abafuna ukunxulumana rhoqo noMphathi woBhaliso lweeNkampani naMaqumrhu angaVulelekanga kufanele babhalisele ukubangabanxulumanisi  be-CIPRO. Ukubangaba sele ubhalisile akukho mfuneko yokubhalisa kwakhona; uya kushukunyiswa ubeyi-arhente kwakhona kwaye awuyi kuphulukana nophawu lwakho lokuba yi-arhente.

Ukuze ubhalise, kuya kufuneka uhlawule idipozithi ebuyiswayo, kwi-akhawunti ye-CIPRO. Emva kokuba kufunyenwe ubungqina bobhaliso lwakho, i-akhawunti iyakushukunyiswa kwaye ilungele ukusetyenziswa. Iindleko zokujonga nokuprinta iSatifiketi seNkampani okanye seQumrhu elingaVulelekanga elibhalisiweyo yi- R30 isatifiketi sisinye. Le mali iya kuba kwi-akhawunti yedipozithi enxulumaniswe kuphawu lwakho lokubayi-arhente, eya kusetyenziswa ngokuzenzekelayo ukuze ikuthumele ibango lokuhlawula ekupheleni kwenyanga.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neCompanies and Intellectual Property Registration Office.
Khupha ikopi yeNcwadi yakho yeSazisi

Umthetho osetyenziswayo

Akukho sicwangciso sasemthethweni esilawula le nkonzo.

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqhubekiswa kwangaloo mini.

Iindleko

Iindleko zokujonga nokuprinta iSatifiketi seNkampani okanye seQumrhu elingaVulelekanga ngama- R30 isatifiketi sisinye.

Iifom ezizaliswayo

CK2 - Amended founding statement CK2 – Isitetimenti sokuseka esilungisiweyo
CK2As - Amendment wrt Accounting Officer and address CK2As – Ulungiso ngokuphathelelene neGosa elimele iiNkonzo kunye ne-adresi

Iinkcukacha zonxulumano



