﻿

Isicelo sokubhalisa inkampani yabucala



Inkcazelo

Inkampani yabucala liqumrhu loshishino elinabanikazi abangabanikazi bezabelo kwaye izabelo zabo azinakuthengiswa kuluntu. NgokomThetho weeNkampani , inkampani yabucala kufuneka ibenabanikazi bezabelo okungenani abasukela kwisinye ukuyakutsho kuma 50. Abanikazi bezabelo badla ngokubizwa ngokuba ngabalawuli benkampani.

Iinkampani zabucala ezibhalisiweyo zinikwa ubume obuthi Proprietary Limited okanye " Ltd".

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.

Inkqubo emayilandelwe

Imigaqo yokubhalisa inkampani yoluntu okanye yabucala ibandakanya inkqubo eneenkcukacha ezininzi. Ngenxa yobunzima bemigaqo ebandakanyekayo, kufuneka kusetyenziswe iinkonzo zegqwetha kwinkqubo yobhaliso.

Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini.
Zalisa ezi fom zilandelayo:

Ukubeka igama lenkampani – Ifom ekuthiwa yi-CM5 ene R50 efakwe kuvimba wophawu lweekhastoma zeklayenti
CM22  – Ugunyaziso lwemeko yedilesi ebhalisiweyo kunye neyokuposa
AMandla eGqwetha – Isaziso sokuthabatha amanyathelo egameni labaxhasi
CM29 – Ifom equlathe iinkcukacha zabaqondisi, zamagosa
CM31 – Imvume yokuthabatha amanyathelo njengoMphicothi weeNcwadi zeMali
CM46 – Isicelo sesatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini kunye ne R60 efakwe kuvimba wophawu lweekhastoma zeklayenti
CM47 –  – Isitetimenti esenziwa ngabaqondisi malunga nokwanela okanye ukungeneli kwemali yezabelo
Zalisa ifom yemimiselo nemigaqo yokumanyana

Hlawula imali ebekiweyo.

Umthetho osetyenziswayo

Companies Act, 1973  UmThetho weeNkampani

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iintsuku ezintlanu ukuze kubhaliswe inkampani yabucala.

Iindleko

R350 – IMimiselo kunye neMigaqo
R60 – Isatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini
R50 – Ukubeka igama
R5 – kwi- 1 000 nganye yezabelo ezikhutshiweyo

Iyonke – R465

Iifom ezigcwaliswayo



Reservation of a company name - CM5 (Ukubeka igama lenkampani. Ifom ekuthiwa yi-CM5
Authorization of situation of registered and Postal address  CM22  – Ugunyaziso lwemeko yedilesi ebhalisiweyo kunye neyokuposa)
Power of Attorney – Notification to act on behalf of promoters. AMandla eGqwetha – Isaziso sokuthabatha amanyathelo egameni labaxhasi)
Return containing particulars of directors, auditors and officers CM29 (CM29 – Ifom equlathe iinkcukacha zabalawuli, zamagosa
Consent to act as Auditor, CM31. 
Application for certificate to commence business CM46 CM46 – Isicelo sesatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini)
Statement by directors regarding adequacy or inadequacy of share capital  CM47  – Isitetimenti esenziwa ngabalawuli malunga nokwanela okanye ukungeneli kwemali yezabelo )
Memorandum and articles of association CM2 


Inkcukacha zonxulumano


