
Isicelo se namba pleyiti yesimntwiso okanye esebenzisa igama lomntu noba elenkampani okanye umbutho
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abantu okanye imibutho inelungelo lokwenza isicelo se namba pleyiti yesimntwiso xa befuna ukusebenzisa amagama abo okanye awemibutho njengamanani okubhaliswa kwemoto. Eli nani limntwisiweyo libonakaliswa ngendlela efanayo nenani lobhaliso lwemoto lesiqhelo. Inani liba yimpahla yomntu inamba pleyiti ebhaliswe ngaye.

Inamba pleyiti ebhaliswe ngegama lomntu okanye le nkampani kufuneka ilandele yonke imiqathango elandelwa xa kubhaliswa inamba pleyiti yesiqhelo .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Dibana neofiso yamagosa endlela ekufutshane.
Gcwalisa ifomu lesicelo.
Khupha ikopi eqinisekisiwe yencwadi yesazisi nesatifiketi sobhaliso semoto.
Bhatala imali ebekiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwa ngolosuku.

Entla

Iindleko

