

Isicelo sokubhalisa inkampani yelizwe langaphandle





Inkcazelo

Umbutho welizwe langaphandle ongaphandle koMzantsi Afrika onqwenela ukuqhuba naliphi na ishishini eMzantsi Afrika ungenza isicelo sepemethe njengenkampani yelizwe langaphandle. Inkampani yelizwe langaphandle yinkampani ebhaliswe kwilizwe langaphandle kwaye enqwenela ukuseka inkampani eMzantsi Afrika.

Ngenxa yeenkqubo ezininzi eziqhubekayo njengenxenye yenkqubo yobhaliso iyonke, kulicebo elihle ukuba usebenzise iinkonzo zamagqwetha aseMzantsi Afrika.

Kufanele unxulumane nengcaphephe yasemthethweni eMzantsi Afrika, njengoko iimfuneko ezithile zomThetho weeNkampani , zingafezekiswa kuphela ngamalungu elo candelo loqeqesho lobuchule.

Nceda uqaphele ukuba yonke imiqulu kufuneka izaliswe nge-inki emnyama enzulu nesisigxina.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya Companies and Intellectual Property Registration Office

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neCompanies and Intellectual Property Registration Office.
Zalisa iifom zesicelo njengoko zidweliswe phantsi kwesihloko esithi "Iifom ezizaliswayo"  apha ngezantsi.
Khupha iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi okanye iipaspoti ezisebenzisekayo zabo bonke abantu ababandakanyeka kule nkampani izakubhaliswa.
Yonke imiqulu kufuneka ikhatshwe yiMimiselo kunye neMigaqo yokuManyana, ekufuneka ibesencwadini kwaye kufuneka iqinisekiswe ngokwegunya lasemthethweni kwiphepha ngalinye nguMntu oneGunya laseMthethweni lokuQinisekisa iMiqulu kwilizwe lemvelaphi.

Umthetho osetyenziswayo

Companies Act, 1973  UmThetho weeNkampani
Business Names Act, 1960  UmThetho waMagama waMashishini

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubhaliso lungathabatha iintsuku ezintlanu.

Iindleko

R350

Iifom ezigcwaliswayo


CM22 - Notice of registered office and postal address of company 
CM29 - Contents of register of directors, auditors and officers 
CM31- Notice of, consent to change of name, or resignation by Auditor or removal of Auditor 
CM37 -Notice of person authorized to accept service on behalf of external company 
CM49 - Application for the registration of memorandum of external company CM 49 - Isatifiketi sobhaliso lwemimiselo yokumanyana yenkampani yelizwe langaphandle )

Inkcukacha zonxulumano



