﻿
Isicelo sephepha-mvume lemoto
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Imoto iphephamvume layo ebelimisiwe,ikhutshiwe ezincwadini, zobhaliso, ibiwe, okanye yakhiwe ngokutsha noba itshintshiwe, ifuna ukwenzelwa iphepha-mvume elitsha. Le meko iyafana naxa butshintsha ubunini moto okanye imoto ifunyanwa ezintweni zomntu oswelekileyo.

Iphepha-mvume lemoto iphelelwa lixesha emva kwee nyanga ezilishumi elinesibini.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Dibana ne ofisi yamagosa endlela ekufutshane nawe.
Gcwalisa ifomu lesicelo e ofisini yamagosa endlela.
Nikezela:

incwadi yesaziso eyamkelekileyo
isatifiketi sokulungela ukubasendleleni semoto esifumaneka esikhululweni sovavanyo lwemoto
isitifiketi Sokususa ukuThandabuzeka wemoto saMapolisa aseMzantsi Afrika 
ileta egunyazisayo ephuma eOfisini eLawula Umgangatho woRhwebelwano eMzantsi Afrika SABS 
isatifiketi sokufa sikamfi 

Bhatala imali emisiweyo.

Qaphela: Izikweleti zemoto enephepha-mvume eliphelelwe lixesha engekavuselelwa, kufuneka zibhatelwe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwa ngolo suku lwesicelo.

Entla

Iindleko

