﻿
Isicelo sobhaliso lokuzalwa olwenziwe emva kwexesha
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ubhaliso lokuzalwa olwenziwe emva kwexesha kuxa ukuzalwa komntu kubhaliswe ngaphezulu konyaka emva kokuzalwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-24/1 xa ukuzalwa kubhaliswe emva konyaka kodwa ngaphantsi kweminyaka eli 15.

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-24/15 xa ukuzalwa kubhaliswe emva kweminyaka eli 15.

Gcwalisa ifom efungelweyo  ekuthiwa yi BI-288.

Hambisa le miqulu ilandelayo:


Hambisa ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi yomama womntwana ukubangaba abazali abatshatanga kwaye utata akakuvumi ukubanguyise womntwana. Kungenjalo, ukubangaba utata ozele umntwana uyakuvuma ukubanguyise womntwana, kufuneka iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi zabo bobabini abazali. Ukubangaba uyise utshate umama ozele lo mntwana, kufuneka iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi zabo bobabini abazali kunye nesatifiketi sabo somtshato okanye

Hambisa isatifiketi esiphuma esibhedlele okanye kwikhaya lokubelekisa, apho kuzalelwe khona umntwana. Isatifiketi kufuneka sisayinwe ngumntu ophetheyo  kwaye kufuneka siqulathe igama eligunyazisiweyo leli ziko kunye nesitampu somhla.
Hambisa ubungqina beenkcukacha zomntwana ubuqu bakhe njengoko ziqulathwe kwirejista yesikolo okanye kwisatifiketi sesikolo sokuqala esasihanjwa ngumntwana, esisayinwe yinqununu yesikolo. Ubungqina kufanele bubenenombolo yenqununu ubuqu kwisihloko esigunyazisiweyo esinesitampu somhla esigunyazisiweyo sesikolo.
Hambisa isatifiketi sokuphehlelelwa komntwana, ukubangaba sikhutshwe kwisithuba seminyaka emihlanu yokuzalwa komntwana.
Ukubangaba abazali abafumaneki, incwadi ebhaliweyo nefungelweyo  eyenziwe sisizalwane esisondeleyo esidala kulo mntwana ngeminyaka eli 10 okanye nangaphezulu, esizaziyo iinkcukacha zokuzalwa komntwana, kufuneka ingqine ulwaziso lomntwano kunye nobume bakhe.
Hambisa ingxelo ephuma kumntu onolwazi lobuqu ngobume babazali bomenzi-sicelo. Lo mntu kuyakufuneka nokuba akhaphe umenzi-sicelo ukuya kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya, apho umenzi-sicelo kunye naloo mntu kuyakudliwana iindlebe nabo ngokwahlukeneyo.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Births and Deaths Registration Amendment Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iinyanga ezi 3 ukuya kwezi 6.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a birth certificate, BI -154 

Late registration of birth affidavit, BI-288 

Notice of birth, BI-24 


Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


