

Isicelo sokubhalisa uyilo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ngokusisiseko "uyilo"  lumalunga nokwakheka nokubumbeka kunye neempawu ezinomtsalane emehlweni. Ezinye iintlobo zoyilo  zibaluyilo ngenxa yomsebenzi wazo kwaye ezinye zibanjalo ngenxa yobuhle nembonakalo yobuhle.

Ngoko ke, uyilo  lumalunga nokwakheka nokubumbeka, ubume, imbonakalo ngokwamehlo, ingqaleko, ukuhonjiswa kunye nokuqingqwa kwemveliso okanye into ethile. Umzekelo, ukuyilwa kweringi , kudla ngokuphenjelelwa bubuhle nembonakalo yobuhle.

Zimbini iintlobo zoyilo ezingabhaliswa, kodwa ke xangaba zifezekisa iimfuno ezichazwe apha ngezantsi:

Uyilo oluphenjelelwa bubuhle nembonakalo yobuhle

kufuneka into ibentsha kwaye ibeluqobo lwayo lwemveli;
ibenobuhle ekwakhekeni nasekubunjweni, kwingqaleko okanye ekuhonjisweni; kwaye
kufuneka ikwazi ukuveliswa yinkqubo yamashishini.
Uyilo oluphenjelelwa ngumsebenzi wento
kufanele into ibentsha kwaye ingabiyonto eqhelekileyo;
kufuneka ibenolwakheko nobumbeko okanye uqingqo oluphenjelelwa ngumsebenzi wayo; kwaye
kufuneka ibenako ukuveliswa yinkqubo yamashishini.

Ukhuselo loyilo oluphenjelelwa bubuhle nembonakalo yobuhle lunikwa ithuba leminyaka eli 15, kwaye ukhuselo loyilo oluphenjelelwa ngumsebenzi wento lunikwa iminyaka eli 10.

Nangona nje kungesosinyanzelo ukufunisa ukuze kukhangelwe uqobo lwemveli yoyilo okanye ukuze kuqinisekiswe ukuba olu yilo okanye uyilo olufana nolu aluzange lwabhaliswa na ngaphambili, kulicebo elihle ukwenza njalo phambi kokufaka isicelo sobhaliso. Kungafuniswa ngoyilo kwi-Ofisi yoBhaliso loYilo  e-Pretoria. Oku kufunisa kufuneka kwenziwe ngumntu ubuqu bakhe okanye ngumnxulumanisi , ofana negqwetha lamalungelo okuvelisa nokuqamba.

Lwakube uyilo lwamkelwe njengelitsha laze labhaliswa, uyakunikwa isatifiketi soyilo.

Uyilo luyavuselelwa qho emva kweminyaka emithathu.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini.
Gcwalisa ifom yesicelo sokuyila efumaneka kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Thumela ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Lemiqulu ifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho

The Designs Act, 1993  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Emva kwethuba leenyanga ezintandathu, kuqhutywa ubuceducedu beemviwo ezigunyazisiweyo kwaye ubhaliso loyilo ludla ngokunikwa kwinyanga yesixhenxe.

Entla

Iindleko

R231

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Ezi fom zifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho

Application and Acknowledgement Form D1 
Register of Designs Form D2  uYilo - IFom D2 )
Power of Attorney Form D3 
Definitive Statement and Explanatory Statement From D6 
Publication Particulars Form D8 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


