﻿

Isicelo sokubhalisa ilungelo lokukhusela umsebenzi owenzileyo 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ilungelo lokukhusela umsebenzi othile owenzileyo , lilungelo lokukhusela umsebenzi othile umntu awenzileyo, ongaba ngumsebenzi obhaliweyo kunye nomsebenzi oluqobo lwemvelaphi yawo, iinkqubo zeekhpmpiyutha, imisebenzi yobugcisa, izinto nezixhobo zosasazo, umculo, imiboniso-bhanyabhanya  okanye iividiyo.

Eli gama lithi "Protect"  lithetha ukunqanda abanye bangakwazi ukukopa okanye ukuvelisa ngokutsha umsebenzi okwafana naloo msebenzi uwenzileyo okanye loo nto uyenzileyo, kunye nokuwusebenzisa  ukuze bazalisekise iinjongo zokuzizuzela imali. UMthetho waMalungelo okuKhusela iMisebenzi ethile eyenziweyo  unika imiyalelo ye-copyright.

Ukubangaba unombono wasengqondweni, awunakuba nelungelo lokuwukhusela . Kufuneka uqale ufake loo mbono kwinto eluhlobo oluphathekayo ngokwezandla, olufana nencwadi, ikhadi, i-CD, umzobo, umfanekiso, umbhalo womdlalo oboniswa kwibhanyabhanya okanye umboniso-bhanyabhanya.

Ngokubanzi, umntu obhale, oshicilele, opapashe, obonise ngokomdlalo, oqingqe, ozobe, ofote okanye ofake kwiingxelo zokugcina, umsebenzi othile, ungumnikazi welungelo lokukhusela loo msebenzi , ngokuzenzekelayo. Nangona kunjalo, ngamanye amaxesha, xa umntu eyalelwe ukuba enze umsebenzi othile, kwaye ehlawulwe ukuze enze umsebenzi othile, ilungelo lokukhusela loo msebenzi iba lelomqashi.

Kwimisebenzi emininzi,, akuyomfuneko ukwenza isicelo selungelo lokukhusela umsebenzi .

Ilungelo lokukhusela umsebenzi othile owenzileyo  liveliswa ngokubhala amagama athi, "copyright" okanye "copyright reserved" okanye "copyright Smith 2002" , okanye uphawu lwe-copyright, igama kunye nonyaka, ngolu hlobo: .

EMzantsi Afrika, ungalifumana ilungelo lokukhusela umsebenzi othile owenzileyo , xangaba ungummi waseMzantsi Afrika okanye ukubangaba umsebenzi wakho waveliswa eMzantsi Afrika. Ukubangaba awungommi waseMzantsi Afrika, ungalifumana ilungelo lokukhusela umsebenzi othile owenzileyo ukubangaba ke elinye eli ilizwe liyinxenye yeSivumelwane ekuthiwa yi-Berne Convention. I-Berne Convention sisivumelwano samazwe ehlabathi esimalunga nelungelo lokukhusela umsebenzi othile, amazwe angamalungu anikana ngaso ukhuselo lwelungelo lomsebenzi othile.

Ilungelo lokukhusela umsebenzi othile owenzileyo malunga nemiboniso-bhanyabhanya okanye iividiyo, ezenzelwe ukusetyenziselwa urhwebo, kufuneka lenzelwe isicelo ngokugunyazisiweyo, ngokwale miqulu ilandelayo, efumaneka ngaphandle kwentlawulo kwi-Ofisi yaMalungelo okuKhusela iMisebenzi ethile eyenziweyo :

Ukubanelungelo lokukhusela umsebenzi othile  kunika "ubunikazi" baloo nto ithile kunye nolawulo lokusetyenziswa kwayo ngokorhwebo. Uphawu lwe-copyright oludla ngokubonwa lolunje: ©.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini.
Gcwalisa ezi fom zilandelayo:

IFom ekuthiwa yi-RF1, ehanjiswa ngokuphindwe kabini
IFom ekuthiwa yi-RF2, ehanjiswa ngokuphindwe kabini
IFom ekuthiwa yi-RF3, ehanjiswa ngokuphindwe kabini
IFom ekuthiwa yi-RF9, ehamba "neSitetimenti seMeko"
Incwadi yaMandla eGqwetha, ukubangaba kusetyenziswe iinkonzo zegqwetha


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Copyright Act, 1978  UMthetho waMalungelo okuKhusela iMisebenzi ethile eyenziweyo

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Emva kwethuba leenyanga ezintandathu, kwenziwa izintoyinto ezigunyazisiweyo zeemviwo ezigunyazisiweyo, kwaye ilungelo lokukhusela umsebenzi othile owenzileyo  lidla ngokunikwa kwinyanga yesixhenxe.

Entla

Iindleko

R231

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ezi fom zifumaneka nge PDF. Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.

Form RF1, submitted in duplicate 
Form RF2, submitted in duplicate 
Form RF3, submitted in duplicate 
Form RF9 together with the  Statement of Case 
Power of Attorney letter if services of an attorney are used 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


