﻿
Isicelo sokubhalisa inqanawa yokuloba
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Inqanawa yokuloba sisikhephe okanye inqanawa esetyenziselwa, exhotyiselwe ulawulo, ukuloba nokusebenzisa izinto eziphilayo zaselwandle , okanye esetyenziselwa imisebenzi enxulumene noku. Oku kubandakanya nayiphi inqanawa encedisa okanye enika inkxaso enye inqanawa okanye ezinye iinqanawa elwandle xa zisenza nawuphi na umsebenzi ovumelekileyo onxulumene nokuloba kuquka kodwa kungaphelelanga ekulungisweni, ukuthengiswa, ukugcinwa, ukufakwa efrijini, ukuthuthwa nokwenziwa  kwazo. I-South African Maritime Safety Authority  neSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho   maliyiyivume inqanawa yokuloba.

Akukho nqanawa yokuloba iya kubhaliswa ngaphandle kwelungelo lokuloba nepemithi yokuba yenze imisebenzi yokuloba.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza amalungiselelo okuba inqanawa yokuloba iye kwenziwa inkqubo yovavanyelwa ukulungela iimeko zolwandle  yi-South African Maritime Safety Authority , nekuya kuya kuthi emva, kwayo iSAMSA ikhuphe iSatifikethi soKhuseleko . Esi satifikethi kufuneka sihanjiswe nefom yakho yesicelo ukulungiselela ubhaliso.

Fumana ifom yokwenza isicelo kwiSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho okanye uyikhuphele kule dilesi yekhompyutha: http://www.mcm-deat.gov.za.

Zalisa ifom ngokuprinta ungadibanisi usebenzisa oonobumba abakhulu kuphela kwakunye nenkcazelo ezinika ingcaciso ebhaliweyo apho kuyimfuneko.

Nika le ngcaciso ilandelayo:


igama lenqanawa yokuloba

igama neenkcukacha zenqanawa zomnikazi wenqanawa  ukuba yinqanawa ekudityenwe ngayo kunye nabemi bamazwe angaphandle 

ubude benqanawa

umlinganiselo wamandla e-injini yenqanawa 

inombolo yokubhalisa  yenqanawa

ilizwe elinegunya lolawulo  inqanawa ebhaliswe phantsi kwalo njengangoku 

isatifikethi sokhuseleko se SAMSA.


Ngenisa ifom yokwenza isicelo yakho kunye nelungelo lakho lokuloba okanye imvumelwano ekugqitywe ngayo kunye nomnikazi ochaphazelekayo wenqanawa eza kusetyenziswa ukuba akunguye umntu onelungelo lokuloba.

Xela ithuba necandelo lokuloba apho inqanawa iya kusetyenziswa khona.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  

The Sea Fishery Act, 1988  

The Sea-shore Act, 1935  

The International Convention for the Prevention of Pollution from Ships Act, 1986  


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo singathatha iintsuku ezi-3 kwezokusebenza okanye ngaphezulu, ngokuxhomekeka ekufakweni okufanelekileyo kwesicelo.

Entla

Iindleko

Iindleko ziyahluka ngokobude benqanawa.

