﻿
Isicelo sokubuyiselwa indleko zephepha-mvume
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ungasenza isicelo sokubuyiselwa indleko zephepha-mvume lemoto, xa imoto yakho yebiwe, ingasenakuphinda ilungele ukuhamba endleleni okanye icinyiwe kubhaliso lwemoto.

Isicelo sokubuyiswa kwendleko kufuneka senziwe zingaphelanga inyanga ezintathu ukususela ngomhla wesaziso sokwebiwa kwemoto, sokuba ngeke iphinde ikulungele ukuhamba endleleni okanye ngosuku lokucinywa kobhaliso lwemoto.

Qaphela: Imali engaphantsi kwamashumi amathathu ayibuyiselwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifomu iRLF, yesicelo sokubuyiselwa indleko zephepha-mvume lemoto.
Yiza nala maxwebhu alandelayo:

incwadi yesaziso
ingxelo efungelweyo eqinisekisa ukwebiwa kwemoto, angeke iphinde ikulungele ukuhamba endleleni okanye isatifiketi sokucinywa kobhaliso.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolo suku, kodwa imali ibuyiswa emva kwentsuku ezimbalwa ngenxa yokuphicothwa kwencwadi zemali zangaphakathi.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifomu lesicelo sokubuyiselwa indleko zephepha-mvume lemoto, RLF, liyafumaneka ezindaweni ezikhupha amaphepha-mvume.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


