

Ukuthumela impikiswano kwi-CCMA ukuze kwenziwe uxolelwaniso  okanye uxolelwaniso-nomiselo sigqibo ekuthiwa yi-conciliation-arbitration 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Intlanganiso yoxolelwaniso yinkqubo apho umkomishina  ahlangana nemihlambi eyalanayo kwimpikiswano ukuze akhangele iindlela zokusombulula le mpikiswano ngesivumelwano.

Inkqubo yoxolelwaniso-nomiselo sigqibo ekuthiwa yi-conciliation-arbitration  isombulula ngokukhawuleza amanyathelo ezabasebenzi angenabulungisa kunye nokugxothwa okungenabulungisa, ngokuxolelanisa kunye nokumisela isigqibo. Le nkqubo yenza ukuba uxolelwaniso nomiselo-sigqibo zibeyinkqubo eqhubekayo, kwaye ziqhutywe ngemini enye, ukuba kuyimfuneko.

Inkqubo yoxolelwaniso isombulula iimpikiswano ngokukhawuleza nangokungakheth'icala. Le nkqubo ayinabunzima, ayinaxabiso eliphezulu kwaye ayivumeli kumelwa ngokwasemthethweni. Isigqibo sokusombulula impikiswano sisezandleni sale mihlambi yalanayo.

Kwintlanganiso yoxolelwaniso umqeshi angaziyela ngokwakhe okanye angamelwa ngumqondisi okanye ngomnye umqeshwa okanye ngumbutho wabaqeshi. Umqeshwa angamelwa ngumngcini-sihlalo okanye ligosa lombutho obhalisiweyo womqeshwa.

Ukubangaba umenzi-sicelo akaphumelelanga ukuya kwintlanganiso yoxolelwaniso ngexesha elibekiweyo, lo mbandela uya kuchithwa. Ukubangaba umenzi-sicelo unqwenela ukuqhubeka, kufuneka kwenziwe isicelo sokurhoxisa oko kuchithwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom ekuthiwa yi-LRA 7.11 uze uyithumele kwiKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo kunye noMiselo-Sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration  kwiphondo apho ivele khona le mpikiswano.
Thumela ikopi yale fom kulo uphikisana naye.
Nika ubungqina bokuba ikopi yale fom isiwe kulo uphikisana naye, ngokufaka ezi zinto zilandelayo kwisicelo sakho:


ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini
ikopi yerisiti esayiniweyo ukubangaba ikopi isiwe ngesandla
ingxelo esayiniweyo yalo mntu uhambise ikopi yefom, engqina ukusiwa kwefom
ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi okanye nabuphi na obunye ubungqina obanelisayo benkonzo.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Labour Relations Act, 1995  Section 133 and 191 , 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ingathabatha iintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Referring a dispute to the CCMA for conciliation, Form LRA7.11 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


