
Isicelo sokuvunywa kwemanyano yesiko lesiqhelo okanye umtshato wesiko lesiqhelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukuze umtshato wesiko lesiqhelo uvunywe njengomtshato ofanelekileyo, lo mtshato wesiko lesiqhelo kufuneka ube ungenelwe phambi komhla we 15 Novemba 2000. Ukubangaba ungenelwe ukusukela kumhla we 15 Novemba 2000 ukuya phambili, loo mtshato kufuneka uhambisane nezi mfuneko zilandelayo:

Umtshato kufuneka kuthetha-thethwane ngawo, ungenelwe okanye kuvuyiswane ngawo ngokuhambisana nomthetho wesiko lesiqhelo.
Abalingane kufuneka babengaphezulu kweminyaka yobudala eli 18.
Bobabini abalingane mabavume ukutshata.
Abazali bomlingane ongekabinalungelo lokuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni  kufuneka bawuvume lo mtshato. Ukubangaba awunabazali, umlondolozi wakho wasemthethweni kufuneka awuvume lo mtshato. Ukubangaba umzali okanye umlondolozi wasemthethweni abanako ukuvuma umtshato, unganxulumana nomkomishinari wentlalontle yomntwana ukuze awuvume. Xa imvume isaliwa ngabazali, ngumlondolozi wasemthethweni okanye isaliwa ngumkomishinari wentlalontle yomntwana, yijaji yeNkundla ePhakamileyo kuphela engaqwalasela ukunika imvume.
Ukubangaba omnye waba balingane ngumlingane osemtshatweni wentlalo yabemi, awunakungenelwa umtshato wesiko lesiqhelo ngelilixa usaqhubekayo lo wentlalo yabemi. Ummiselo ofana nalo ukwasebenziseka kwimitshato yesiko lesiqhelo engenelwe ukusukela kumhla we 1 Disemba 1988.
Nangona nje kungekho sithintelo malunga nenani lemitshato yesiko lesiqhelo umyeni angayingenela, awukho umtshato wesiko lesiqhelo ongomnye ongangenelwa, ngaphandle kokuba kufunyenwe umyalelo wenkundla ogqalisela inkqubo yexesha elizayo yempahla nezinto zasemitshatweni yakhe.

Qonda ngobume bakho bomtshato kwi-online.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-32 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika xa ukwilizwe langaphandle.
Kukhutshwa isatifiketi esingafinyezwanga  okanye kuveliswa ngokutsha incwadi yobhaliso  okanye kuveliswa ngokutsha nawuphina umqulu oxhasayo ongqanyaniswa kwirejista ebandakanyekayo, ndawonye nongqinisiso lwenkcazelo ekwirejista yomtshato.
Kukhutshwa isatifiketi somtshato esifinyeziweyo, kodwa ke oko kwenziwa xangaba akukho zimali zihlawulwayo zokukhutshwa kwesatifiketi esingqaliweyo ekubhalisweni komtshato.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Recognition of Customary Marriages Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi somtshato esifinyeziweyo sikhutshwa kwangoko.
Isatifiketi somtshato esingafinyezwanga sithabatha iiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Entla

Iindleko

Isatifiketi somtshato esifinyeziweyo: R11
Isatifiketi somtshato esingafinyezwanga: R53

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Marriage register, BI-130 
Application for registration / Enquiry into existence of customary marriage, BI-1699 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


