
Isicelo sesaphulelo semali nokubuyiselwa imali kumrhumo wokurhafela iimveliso ezisetyenziswe kwimpahla nezinto ezithunyelwa kumazwe angaphandle
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Injongo yale nkonzo kukwenza isicelo sokophulelwa imali nokubuyiselwa imali kumrhumo wokurhafela iimveliso ezingeniswe elizweni zokwenza, ukugcina nokuqhubekisela kwimveliso, ukugqibezela, ukufaka izinto eziyimfuneko okanye ukupakisha iimveliso ezijoliswe ekubeni zithunyelwe kumazwe angaphandle.

Ipemethe iyimfuneko ukuze ungenise iimveliso ngokwalo mmiselo, kwaye kufuneka yenzelwe isicelo ngokugcwalisa ifom yesicelo efunyanwa kwiKomishoni yokuLawulwa koRhwebo lwaMazwe eHlabathi, ekuthiwa yi-International Trade Administration Commission .

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi International Trade Administration Commission.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khuphela oluxhwebhu lunezikhewu kwi, 470.03/00.00/01.00.
Khupha ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi.
Khupha ikopi eqinisekisiweyo yepemethe yakho yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Customs and Excise Act, 1964  UMthetho weMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile.

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iiveki ezimbini ukuya kwezine ukuze waziswe ngesiphumo sesicelo malunga nesaphulelo semali okanye ukubuyiselwa imali, liSebe lezoRhwebo naMashishini.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for rebabe on and refund of the duty on inputs used in export goods.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


