﻿

Isicelo sokubhalisa inkampani yoluntu

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Inkampani yoluntu liqumrhu elinomnikazi oluluntu kwaye inabalawuli  abasixhenxe ubuncinane. Ekupheleni kwegama lenkampani kubhalwa igama elithi "Limited". Ubhaliso lwenkampani yoluntu lubandakanya le miba ilandelayo:

Uluntu lunikwa izabelo.
Nangona nje kungekho siqingqo sothintelo malunga nenani ekufanele bangagqithi kulo abanikazi bezabelo, aba bantu kufuneka babesixhenxe ubuncinane.
Akukho siqingqo sothintelo malunga nokutshintshelwa kwezabelo.
Ekupheleni kwegama lenkampani kubhalwa igama elithi "Limited".
Le nkampani kufuneka yenze ukuba inkcazelo ethile ifumaneke kuluntu.
Olu hlobo lweshishini ludla ngokudinga ukutyalwa kweemali ezinkulu.
Abalawuli babini ubuncinane.

Ukuze ufumane inkcazelo, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini
Fumana iifom ezifanelekileyo zezicelo kwiSebe.
Beka igama lenkampani ngokugcwalisa ifom ekuthiwa yi-CM5
Zalisa le miqulu yokuxhasa ilandelayo:

CM22  – Ugunyaziso lwemeko yedilesi ebhalisiweyo kunye neyokuposa
AMandla eGqwetha – Isaziso sokuthabatha amanyathelo egameni labaxhasi
CM29 – Ifom equlathe iinkcukacha zabaqondisi, zamagosa
CM31 – Imvume yokuthabatha amanyathelo njengoMphicothi weeNcwadi zeMali
CM46 – Isicelo sesatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini
CM47 –  – Isitetimenti esenziwa ngabalawuli malunga nokwanela okanye ukungeneli kwemali yezabelo

Zalisa ifom yemimiselo nemigaqo yokumanyana.
Hlawula imali ebekiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Companies Act, 1973  UmThetho weeNkampani


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

UBhaliso lungathabatha iintsuku ezintlanu.


Entla

Iindleko

R350 – IMimiselo kunye neMigaqo
R60 – Isatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini
R50 – Ukubeka igama
R5 – kwi- 1 000 nganye yezabelo ezikhutshiweyo

Iyonke – R465

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Authorisation of situation of registered and postal address  CM22  CM22
Power of Attorney – Notification to act on behalf of promoters 
Return containing particulars of directors, officer - CM29
Consent to act as Auditor - CM31 
Application for certificate to commence business and pay a deposit of R60 into the client's customer code - CM46 
Statement by directors regarding adequacy or inadequacy of share capital - CM47 yezabelo CM47)
Application for reservation of name CM5 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


