






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Ityala Neemali-mboleko &gt Yntoni Uncedo-mali Lwezinga Olusezantasi?

Yntoni Uncedo-mali Lwezinga Olusezantasi?



Olu ncedo-mali ligama elibanzi nelisetyenziswa ukuchaza ukubolekisa ngemali kwizinga elisezantsi.

Ababolekisi Ababhalisiweyo

Ababolekisi ngemali abancinci bayakhuthazwa ukuba babhalise kwiBhunga Lababolekisi Ngemali Abancinci, iMFRC ngamafuphi esilungwini. I-MFRC le ngumbutho ozimeleyo nongajonge ngeniso onikwe ngurhulumente amagunya okulawula nokumisela ishishini lokubolekisa ngemali kwizinga elisezantsi ze kukhuselwe neemfuno zabo babolekayo. Bonke ababolekisi ababhalisileyo kwi-MFRC banesiqinisekiso sobulungu esibekwe kumashishini abo.

Ababolekisi ngemali ababhalise kwi-MFRC basebenza phantsi kwemithetho eyahlukileyo kwabo babolekisi bangabhaliswanga. Okona kubalulekileyo ke, bona bangavunylewa ngokomthetho iUsury Act, nto leyo ethetha ukuba bangakutyabula nayiphi na inzala.

Ngeenkonzo, iingcebiso nolwazi, tyelela iwebsite yeMFRC. Ulwazi oya kulufumana luquka iinkcukacha :

* ngamalungelo
* ukusebenza ngendlela engeyiyo
* ababolekisi ababhalisileyo
* nangezikhalazo.

Usenokuqhagamshelana nabo kule

Nombolo yomnxeba ingahlawulelwayo: 0860 100 406

info@mfrc.co.za or complaints@mfrc.co.za

Ababolekisi Abangabhalisanga

Ababolekisi kwizinga elisezantsi abangabhalisanga kwiMFRC, nabo baphantsi komthetho iUsury Act. Lo mthetho uthintela ababolekisi ekubeni batyabule ababoleki iinzala ezinkulu ngokugqithisileyo. La mazinga enzala nawo ahluka ngokwamaxesha yaye inzala esebenzayo ixhomekeke kumhla wokuphunyezwa kwesivumelwano sokubolekana imali. Okwangoku nje, aba babolekisi ananakho ukubiza inzala engaphezu kwamashumi amabini anesithsthu ekhulwini ngonyaka kwimali-mboleko engaphantsi kweshumi lamawaka eerandi, futhi bengenakho nokubiza inzala engaphezu kwamashumi amabini ekhulwini ngonyaka kwimali-mboleko engaphezu kweshumi lamawaka eerandi.

Ababolekisi abangabhalisanga baphantsi kolawulo lweSebe Leentengiso Noshishino futhi bangakuboleka imali efikelela kumashumi amahlanu amawaka eerandi. Isivumelwano sakho siya kuchaza ukuba le mali-mboleko kufuneka ugqibe nini na ukuyihlawula.

Ungasirhoxisa isibhambathiso semali-mboleko nombolekisi ongapbhalisanga kuphela ukuba wena naye navumelana ngoku ngaphambi kokuba utyikitye esi sivumelwano.

Ukuba ufuna ukufaka isikhalazo ngombolekisi ongabhalisanga, ungaqhagamshelana neNational Inspectorate of Consumer Affairs kule nombolo: 011 355 8008.

Amacebiso


* Uneentsuku zokurhoxisa isibhambathiso semali-mboleko nombolekisi obhalisileyo, ukuba uthi ujike ingqondo.
* Fumana isibhambathiso esibhalwe phantsi esichaza zonke iindleko namatyala***.
* Ababolekisi kufuneka basebenzise iindlela zomthetho okulanda iimali zabo ababolekise ngazo. Umbolekisi akavumelekanga ukuba:
  * akucele ukugcina ikhadi lakho lebhanki
  * afune ukugcina inombolo yakho yebhanki eyimfihlelo
  * akucele ukuba ushiye iincwadana yakho yesazisi
  * akucele ukuba ushiye ikhadi lakho lokundodlela inkxaso-mali ephuma kurhulumente
  * akucele ukuba utyikitye iimpepha ezingabhalwanga nto
  * asebenzise ubundlobongela xa efuna imali yakhe.

* Akukho mbolekisi unokufuna imali ngokufakwa kwakho isicelo semali-mboleko, ngamanye amazwi, intlawulo yaxa utyikitya isivumelwano.
* Musa ukulityikitya iphepha elithi "Imvume Yokugwetywa" xa uthabatha imali-mboleko.
* Unelungelo lokucela iphetshana elichaza ukuba sele uhlawule malini futhi usatyala malini na nangaliphi na ixesha.
* Kukwafuneka ufumane nekopi yakho yesibhambathiso kwiintsuku nje ezilishumi elinesine usityikityile eso sibhambathiso.


Iiinkxaso-maliephuma kuRhulmente Nokubolekisa Ngemali Kwizinga Elisezantsi

Akunskho ukuyisebenzisa inkxaso-mali ephuma kuRhulumente (umzekelo, umhlala-hantsi okanye inkxaso-mali yokunonotshelwa komntwana) njengesiqinisekiso sokuba uya kuyibuyisa loo mali-mboleko. Ababolekisi abavumelekanga ukuba bagcine ikhadi lakho lokufumana intlawulo yenkxaso-mali ephuma kurhulumente njengesiqinisekiso sokuba uya kuzihlawula iimali-mboleko zabo.

Ukuba ungumntu ofumana inkxaso-mali ephuma kurhulumente, kuya kufuneka uytikitye isibhengezo esithi ikhadi lakho lokufumana iintlawulo zenkxaso-mali ephuma kurhulumente uya kuligcina kwindawo ekhuselekileyo, (khadi elo likwabizwa njenge-Allpay Card) yaye akuyi kulinikezela kumbolekisi weemali-mboleko.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Ityala Neemali-mboleko

* Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?
* Yintoni Isivumelwano Setyala?
* Yntoni Uncedo-mali Lwezinga Olusezantasi?
* Yintoni iMbalana Yamatyala? Yaye Yintoni Ukubekwa Kwiincwadi Zabangawahlawuli Amatyala abo?
* Angayithimba Xa Kutheni Umntu Endimtyalayo Impahla Yam?
* Amabinzana Aluncedo





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Izikhalazo Zabathengi (IiNkonzo)
* Ii-Ofisi Zeengcebiso Kubathengi (IBakala Lezxhobo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 9 uFebruwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





