﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?

Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?



Umbuzo: Ndikhulelwe yaye ndiphila nentsholongwane kaGawulayo. Ingaba kulungile ukuba ndondle usana lwam ngobisi lwebele? Olu lusana lwam lwesibini yaye ndalwondla ngobisi lwebele usana lwam lokuqala, ngoku ke ndisadidekile njengoko ndingekaxeleli mntu ekhaya ngesimo sam nentsholongwane kaGawulayo futhi ndikhe ndeva abantu besithi iintsana zingosuleleka xa zinokuthi zondliwe ngobisi lwebele ukuba unina wolo sana uphila nale ntsholongwane. Ndizifumene iingcebiso nentuthuzelo eMOU ze ndeva nangenkqubo yokunqanda ukosulelwa kosana ngunina ngentsholongwane kaGawulayo, kodwa ndisadidekile.

Impendulo: Kuyavakala futhi kwamkelekile ukuba uzuve uxhalabile ngokondla usana lwakho ngobisi lwebele njengoko uphila nentsholongwane kaGawulayo. Kubalulekile ukuba ugxininise koko kululungeleyo usana lwakho ze uqinisekise futhi ukuba uwanciphisa ngandlela zonke amathuba okuba usana lwakho losuleleke. Ukwabelana nabanye abantu ngokosuleleka kwakho yile ntsholongwane yintando yakho ngokupheleleyo.

Njengoko waziswa nguMcebisi eMOU ngeNkqubo Yokuthintela Ukosulelwa Kosana Ngunina, kubalulekile ukuba uqwalasele zonke iinkalo zesondlo ze ukhethe leyo iyakulungela usana lwakho, ngokweemeko ophila phantsi kwazo. Andazi ukuba kungakanani okukhumbulayo ngexesha wawusiya okokuqala kwiingcebiso, kodwa ke kufuneka ukhethe ukondla usana lwakho ngobisi lwebele kuphela okanye ke ulondle ngamachiza okanye izidlo ezithengwayo. Ukondla usana lwakho ngobisi lwebele kuphela kuthetha ukuba lubisi lwebele kuphela oya kondla ngalo usana lwakho (ngaphandlel ke kwamachiza namayeza ethe iklinikhi ze ulunike wona). Akukho manzi, machiza, zincindi, umxube opholisa iintlungu zesisu ezintsaneni, nkqu kungabikho nedami le. Zonke ezi zinto xa zidibene nesondlo sobisi lwebele zenza UKONDLA NGEENDLELA EZAHLUKENEYO yaye oku kunganobungozi kusana lwakho.

Ukuba uketha ukondla usana lwakho ngobisi lwebele kuphela, oku kumele kungenziwa ixesha elingaphaya kweenyanga ezine ze ekupheleni kwezi nyanga zine kufuneka uluyekise usana lwakho ubisis lwebele ngoko nangoko utshintshelr usana lwakho kwisondlo ngamabisi namachiza athengwayo nonokuwafumana kwiklinikhi yeentsana ekufutshane nawe iinyanga ezimibini ezilandelayo de usana olo lube neenyanga ezintandathu ubudala. Xa sele uyeke ukondla ngobisi lwebele watshintshela kula mabisi, kufuneka UNGAZE uphinde ubuyele ekondleni usana lwakho ngobisi lwebele. Oku kuya kuba kukondla ngeendlela ezahlukeneyo futhi kungabangela ukosuleleka kosana yintsholongwane kaGawulayo.

Into ebalulekileyo ngobisi lwebele lubisi lokuqala umama athi alukhuphe, olubizwa ngokuba yiColostrum. Oku ke kulungisa isisu nethumbu lomntwana, futhi oku kukhusela usana kwizifo. Ubisi lwebele lukwaqulethe zonke izakhi-mzimba ezidingwa lusana. Lusoloko lukubushushu obufunekayo, lufumaneka lula (okukona usondla ngobisi lwebele kokukona uveza ubisi oluninzi), futhi konga nexesha. Kufuneka ukhumbule imigaqo engundoqo yokucoca iingono zakho ngendlela esempilweni phambi kokuba uncancise ukuze ukhusele ukosuleleka kosana lwakho. Kukwafuneka uqinisekise ukuba usana lwakho lubambelela ngendlela eyiyo engnweni, enokuthi ngaphandle kokuba buhlungu, ibeke usana lwakho emngciphekweni wokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo. Ukuba uthi ubr nengono ekrazukileyo, yeka ukondla ngelo bele. Sebenzisa elinye ibele ze ufumane nonyango lukagqirha ngoko nangoko. Ngazo zonke iingcebiso, nceda uqhagamshelane neMOU yakho okanye iklinikhi yakho yeentsana ngoko nangoko.

Ngokumxulumene nosana olo, ukuba luthe losuleleka (isilonda somlomo, ukutyabuka kwesisu namathumbu, njalo-njalo) kufuneka use usana olo eklinikhi ngoko nangoko kuba lusemngciphekweni wokosulekeka yintsholongwane kaGawulayo. Ukususela kwiinyanga ezintandathu ubudala, usana olo lungaqaliswa kwiintlbo ezithile zokutya okuqinileyo ngokweengcebiso zeklinikhi.

Oku ke kundibeka kwindlela yesibini yokondla usana, ukondla mgamachiza athengwayo. Ukuba uthi ukhethe ukondla usana lwakho ngobisi oluthengwayo nolufumaneka kwiiklimikhi, kuya kugfuneka ulondle ngolo hlobo lobisi kuphela ixesha eliziinyanga ezintandathu. Kuya kufuneka uqhagamshelane neMOU ekufuntshane nawe ukuze kube nokwenziwa amalungiselelo okuba emva kokubeleka uyishiye unobisi olwaneleyo oluya kukugcina de kufike utyelelo lwakho lokuqala kwiklinikhi yeentsana. Kwiklinikhi yeentsana uya kunikwa olu bisi rhoqo de kube ziinyanga ezintandathu.

Eyona nto ibalulekileyo ngolu hlobo lwesondlo kukulwenza kanye ngendlela ekuyalelwew ngayo ngokobunzima nobudala bosana lwakho. Nayiphi na intshukumo etenxileyo kule miyalelo ingalugulisa usana lwakho. Ukuba wondla usana lwakho ngamachiza, indlela emiselwayo ekwenzeni oku kukumlinganisela ngekopi. Baya kukubonisa ukuba ukwenze njani na oku eklinikhi. Ukucoca ikopi necephe olisebenzisayo kakuhle nangendlela echanekileyo kuyimfuneko ngokugqibeleleyo ukuze uthintele ukosuleleka kosana lwakho zizigulo. Okona kutya unokukukhetha nokulungele usana lwakho yimveliso engenalubisi, eya kukhusela usana lwakho ekungalungelanini nezidlo ezthile, nto leyo iya kubangela ukuba luhlaselwe zizigulo ezifana nombefu, umkhuhlane womungu, njalo-njalo. Ukuba akuyilandeli imyalelo estotini, ungalondla ngendlela esezantsi kwelinganiselo eyaneleyo okanye ulondle ngokugqithisileyo usana lwakho, nto leyo inokuthi ikhokelele kwizinto ezifana nokungondleki, ukoma, ukuqhinwa, njalo-njalo. Usana kufuneka luqale ukutya ukutya okuqinileyo emva kweenyanga ezintandathu, akukhathaliseki nokuba ulondla ngobisi lwebele okanye ngamachiza afunyanwa eklinikhi na.

Kuya kufuneka ugqibe ekubeni yeyiphi eyona ndlela ikufaneleyo. Umngcipheko wokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo uya kuncipha ukuba uthi wondle usana lwakho ngobisi lwebele kuphela ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezintandathu. Ukondla usana lwakho ngamachiza afumaneka eklinikhi kuthetha ukuba usana lwakho aluyi kuba semngciphekweni wokosulekeka yintsholongwane kaGawulayo, kodwa lungasemngciphekweni wokosuleleka zezinye izigulo ezifan nokutyabuka kwesisu namathumbu nokukrala kwemiphunga, njalo-njalo.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





