﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?

Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?



Umbuzo: Ndiqhuba ishishinana elisakhasayo elinabasebenzi abalishumi elinesibhozo kuphela. Ndisoloko ndisiva ngefuthe lentsholongwane kaGawulayo kushishino kodwa ke andazi ukuba mandenze ntoni na ngaloo nto. Nangona kunjalo ke abasebenzi bam bakhangeleka besempilweni. Zeziphi iingcebiso ongandinika zona?

Impendulo: Ukuba unabasebenzi abalishumi elinesibhozo, iinkcukacha-manani zithi abathathu okanye abane kubo basenokuba baphila nentsholongwane kaGawulayo. Xa bethe bosuleleka, abasebenzi abakwinqanaba lokuqala lokuphila nale ntsholongwane abazokubonisa zimpawu kwangoko. Ukuba ke kuthe kanti umntu akazazi ukuba uphila nale ntsholongwane, ze angenzi zinto ziza kunceda le meko, ungafumanisa emva konyaka okanye emibini ukuba, uninzi lwabona basebenzi bakho bephambili bathi bahlaselwe kukugula malunga nexesha elinye. Ngenxa yesi sizathu nezinye ke, kubaluleke kakhulu ukuba uxhobise bonke abasebenzi bakho ngolwazi ngale ntsholongwane ze bafumane nethuba lokuya kufumana ulwazi olugqibeleleyo kwanokuzivavanyela le ntsholongwane ngokwabo ngeenjongo zokufumanisa ukuba banayo na le ntsholongwane kusini na. Akukho mthethweni ukuba nayiphi na inkampani ivavanyele intsholongwane kaGawulayo abasebenzi bayo ngaphandle kwemvume yabo, (1) ukuba nayiphi na inkampani ivavanyele le ntshoongwane umntu enomdla wokumqesha okanye
(2) ukuvavanyela abasebenzi bayo ngaphandle kokubacacisela ze ifumane imvume yabo (imvume yomsebenzi lowo emva kokuba ecaciselwe kakuhle wonke umcimbi ochaphazela olu vavanyo).

Xa sele ukutshilo oko, uyalidinga icebiso ngokukhuthaza bonke abasebenzi bakho ngeendlela zokufikelela kwiingcebiso noncedo abaludingayo ngokuzivavanyela intsholongwane kaGawulayo. Kaloku yonke le nto iqala ekubeni uhlale usazi ukuba abasebenzi aba banelungelo lokwenza oku ngendlela eyimfihlelo ngokugqibeleleyo. Ngamanye amazwi ke, nokuba umsebenzi lowo kuthi kanti uphila nale ntsholongwane, akanyanzelekanga ukuba akwazise wena njengomqeshi wakhe.

Eyona ndlela isoloko ikulungele oku kukubuza umntu onolwazi olugqibeleleyo ngalo mba ukuze nibe nokufikelela kwizigqibo ngoMgaqo-nkqubo Wasemsebenzini weNtsholongwane kaGawulayo oquka isicwangciso-qhinga sokufundisa esilungele ngqo ishishini elo lakho. Umqaqo-nkqubo wasemsebenzini lowo kufuneka uqulunqwe liqela elibamele ngokupheleleyo ababaphathi, abasebenzi, abameli babasebenzi kwakunye nemanyano yabasebenzi. Inqanaba elilandelayo ingakukuba kukufikelela kwiingcali eziza kukuncedisa uqinisekise ukusebenza kwesi sicwangciso-qhinga sokwazisa nokufundisa abasebenzi , esidiza eyona miba ibandakanyekayo ekunikezelweni kweengcebiso nasekuzivavanyeleni intsholongwane kaGawulayo. Eyona njongo yoku ke kukwazisa nokulungisa iimpazamo zoluntu ngale ntsholongwane ngelixa kukwakhuthazwa abasebenzi aba ukuba baqwalaselise indlela abacinga ngayo nabaziphatha ngayo xa kukhankanywa umba wentsholongwanealo kaGawulayo ukuze babe nokufikelela kwizigqibo abanolwazi olupheleleyo ngazo ngomba wokuya kuzivavanyela le ntsholongwane.

Kufuneka ucacelwe kakuhle ngokuba uthini na umgaqo-nkqubo wakho ngabasebenzi abasele bephila nentsholongwane kaGawulayo abasele befikelele kuwo onke manqanaba ale ntsholongwane, ukuba kuthetha ntoni na oko kubanye abasebenzi nakwinkampani ngokubanzi. Iinjongo zeenkqubo yentsholongwane kaGawulayo/kaGawulayo kufuneka ziquke iinjongo zokunciphisa umngcipheko wokosuleleka kwanokugcina abasebenzi abasele bephila nale ntsholongwane bephilile.

Ngokomthetho, abasebenzi abanakugxothwa ngenxa nje yokuba bephila nentsholongwane kaGawulayo. Ukuba nje umntu usakwazi ukuwenza umsebenzi wakhe bamele ukuhlala besebenza. Kuxa ekwinqanaba eliphambili kakhulu kangangokuba uyaphazamiseka ekwenzeni umsebenzi wakhe kuphela apho kunokuvumeleka ukuba umsebenzi asuswe emsebenzini abuyiselwe ekhaya okanye asiwe esibhedlele, kodwa ke nangelo xesha uya kube esazifumana izibonelelo zakhe njengomsebenzi. Okunye ke kukuba abasebenzi abanakho ukwala ukusebenza kunye nabo bazidizileyo ukuba bona baphila nentsholongwane kaGawulayo.

Ixesha ke alisivumeli ukuba sikwazi ukumelana nayo yonke imiba ebandakanyekayo apha. Kwixesha elizayo siya kucebisa ukuba uqhagamshelnane nomnye wemibutho enikezela ngeengcebiso noncedo kumashishini amancinci nasakhulayo. Luyafumaneka ulwazi olunale mibutho kwi-ATICC.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





