﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?

Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?



Umbuzo: Isihlobo sam esisenyongweni sisanda ukundishiya sibulawa ngulo Gawulayondini futhi andikwazi tu ukumelana nenyaniso yokuba akasekho, ngaphezu kok futhi, ebengabeki themba kubuhlobo bethu de wakwazi nokundifihlela ukuba ubephila nentsholongwwane kaGawulayo? Ndingenza ntoni ngalo mba?

Impendulo: Kuyacaca ukuba ikuphethe kabuhlungu into yokushiywa sisihlobo sakho esisenyongweni. Enye yezona zinto zinzima kakhulu ebomini kukuphulukana nesihlobo esisenyongweni, ingakumbi kusekho into ebeningekayenzi nobabini.

Ukosuleleka yintsholongwane kaGawulayo sele kudale imeko yokungathembani, ngamanye amaxesha nkqu naphakathi kwezona zihlobo zisenyongweni. Esinye sezizathu zoku ibe kukubekwa ibala kabuhlungu, usayanyaniswa nesi sigulo. Koku kubekwa ibala oku kudale ukuba abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo bale ukwabelana ngolwazi lwezimo zabo nabanye abantu, nkqu nabo basenyongweni nabaziintandane zabo. Ukufumana isiphumo esithi uphila nentsholongwane kaGawulayo kuthi kudale intlekele nokuba ikumila kunjani na kulo mntu uxelelwa ngezi ezi ziphumo. Akukhathaliseki nokuba zimlungele okanye zimnceda njani na iingcebiso noncedo alunikwayo umntu ophila nentsholongwane kaGawulayo, akufunekanga sibudele ubunzima bomothuko umntu awufumanayo akuxelelwa ukuba kuthe kanti uphila nentsholongwane kaGawulayo.

Umcebisi yena buqu akasali engachaphazeleki ziziphumo ekufuneka ezinikezele. Abacebisi ekuhlanganwa nabo Kumaziko Empilo Asekuhlaleni bafumene uqeqesho neengcebiso eziluqilima ezingeziphumo zokucebisa abantu abaphila nale ntsholongwane, luqeqesho olo lubanika amandla okwenza lo msebenzi bawenzayo. Uninzi lwabo kudala lwaba ngabacebisi ngoko ke banamava angummangaliso. Bayakwazi ukunikezela ngenkxaso edingekayo nekhatshwa luthando novelwano ze banikezele nangolwazi olufanelekileyo ukuze babe nokufumana imvume ethatyathwe ngolwazi kwabo babancedayo phambi kokwenza uvavanyo, ze futhi abo bancedwayo bakwazi ukumelana neentliziyo ezibuthathaka zabo bantu xa iziphumo sele zisaziwa. Kubaluleke kakhulu ukuba abantu bangaze baluvumele uyavanyo lwentsholongwane kaGawulayo ngaphandle kokufumana iingcebiso ngaphambi nasemva kolo vavanto kumcebisi oqeqeshiweyo.

Kungenxa yale ngcaciso ingentla apha apho ndinethemba lokukuqinisekisa ukuba ngelixa isihlobo sakho sikhethe ukungakuxeleleli ngesimo sakhe, ebenokuba ufumana eyona nkxaso neengcebiso ezimlungeleyo ngexesha leengcebiso nelovavanyo.

Ngelixa ndinganqweneli kubunciphisa nakancinci ubuzaza bentlungu nenkxwaleko okuyo ngenxa yokushiywa sisihlobo ngenxa yokubiwa zizifo ezayanyaniswa noGawulayo inbgazange ikuxelele wena ukuba iphila nentsholongwane kaGawulayo, ndingathanda ukukucacisela ukuba kwenzeka ntoni na emntwini xa afumana iziphumo zokuba uphila nentsholongwane kaGawulayo. Ukufunyaniswa uphila nale ntsholongwane kunyanzelisa ukuzikisisa jukucinga oku nokuzifuna, ngelixa ukwaxhwalekile. Intlekele ke eza nale meko ingahlala kuwe iveki zilandelelane ngelixa uzama ngandlela zonke ukumelana nokuphila nezi ndaba, futhi ucinga nokuba baza kuthini na abantu abasenyongweni kuwe (izihlobo nezalamane) kunye nabanye. Xa efumana iziphumo ezithi uphila nentsholongwane kaGawulayo, uthi othuke kuba kaloku ezo zisenokuba zezona ndaba zibuhlungu loo mntu wakha waziva ebomini bakhe. Amaxesha amaninzi lo mothuko mkhulu kangangokuba emva kokufumana ezi ndaba, umntu uhlala ekhumbula ukuba uphila nentsholongwane kaGawulayo qha.

Enye yezona mo zinzulu umntu azifumana eguntyungelwe yiyo luloyiko. Uloyiko lokunokwenzeka emntwini, uloyiko lwekamva, uloyiko lokuahlwa lusapho, zizihlobo, uloyiko lokukhathaza isihlobo okanye iqabane elisenyongweni ngokuthi uze nezi ndaba. Xa ndithetha ngamava am eminyaka ngeminyaka kweli candelo lokucebisa nokuthuthuzela amaxhoba, mhlawumbi ndiseza kuhlangana nomntu ongacingiyo nangaliphi na ixesha ukuba iindaba zokuphila kwakhe nentsholongwane kaGawulayo ziya kubakhathaza kangakanani na abantu abasenyongweni kuye nokuba zingayintoni na iziphumo zoko.

Umsindo, ukudana ze ngamanye amaxesha ukuzibeka ityala zidlala indima enkulu kwiintlobo zezigqibo eziquka ukwazisa izihlobo ezisenyongweni. Ezi mo zisoloko zijoliswe kulo kwalulo mntu wazo. Kwakhona, kubalulekile ukuba umntu ancokole ngezi mo kubantu abakhuselekileyo nabanikezela inkxaso. Abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo baba sesichengeni, ngokwasenyameni nangokwasemphefumlweni. Kodwa ke ngamanye amaxehsa bakhetha ukwabelana ngale meko nabacebisi nabathuthuzeli abaqeqeshiweyo, kunokuyincokola nezihlobo namalungu osapho asenyongweni kuba kaloku ukwenza njalo kuya kumgumbungela kakhulu.

Kuba nzima ukuzipha amandla kumaungu osapho xa kukho kwalapha elusatsheni, umntu obuthathaka. Ngoko ke abantu bangakhetha ukuncokola le meko nabacebisi nabathuthuzeli abaqeqeshiweyo kuphela; apho baqinisekiswayo ngokhuseleko, indawo yokukhupha indlela umntu aziva ngayo ngaphandle kokufihla nto; apho indlela umntu aziva ngayo iya kukhutshwa ngentlonipho, imbi okanye intle, imo apho umntu angazokubekwa tyala nengakhethi cala. Enye yezona meko zoloyiko kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo kuxa umntu esoyika ukuba uza kuphulukana nenkxaso ayidingayo yosapho nezihlobo. Uloyiko lokuba le nkxaso ingaphela lwenza abantu bazifihle ukuba baphila nale ntsholongwane. Ndiyayiqonda nento yokuba usenokuba nemibuzo engenakuze iphenduleke. Ndingacebisa ke ngoko ukuba uzinike ilungelo lokuziva udakumbile, unomsindo, ukhathazekile. Akuyi kukunceda tu ukuyifihla nakuwe lo indlela oziva ngayo. Kwilixa elithile ungafumanisa kunyanzelekile ukuba wenze into ebonakalayo efana nokundwendwela ingcwaba lakhe, okanye wenze into ebenithanda ukuyenza nobabini, nto leyo eza kubuyisa iinkumbulo ezimnandi. Uya kufumanisa ke, ngokuhamba kwamaxesha, ukuba: "Intlungu ayipheli, kodwa ngoku behlile ubuzaza". Ukuba kunyanzelekile, thetha nomcebisi othuthuzelayo.

UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





