﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente &gt Ingxowa-mali Eyimbuyekezo Yabantu Abonzakele Empangelweni (eyayisakwaziwa njengeMbuyekezo Yabasebenzi)

Ingxowa-mali Eyimbuyekezo Yabantu Abonzakele Empangelweni (eyayisakwaziwa njengeMbuyekezo Yabasebenzi)



Ukuba ungumqeshwa (umsebenzi) yaye ufumene ingozi emsebenzini ekhokelela ekukhubazekeni kwakho ixeshana okanye isigxina, ungafumana imbuyekezo ephuma kwiNgxowa-mali Eyimbuyekezo Yabantu Abonzakele Empangelweni. Nabani na ongene kwisivumelwano esibophelelayo sokunikezela ngeeenkonzo nomqeshi, ngaphandle komsebenzi wasemakhitshini oqeshwe kwikhaya labucala, uyabuyekezwa. Ingozi leyo kufuneka ichazwe ngokosuku eyehle ngalo, ixesha nendawo yaye kufuneka ibe yenzeke ngqo ngenxa yomsebenzi owuqeqshelwe apho.

Kwimeko apho ukhubazeke wonke umzimba kodwa okwexeshana, ungayifumana imbuyekezo elingana namashumi asixhenxe eepesenti zomvuzo wakho wenyanga, ukuya kuma kuma-R2 868,00 ngeveki.

Kwimeko apho ukhubazeke isigxina, apho inqanaba lokukhubazeka lifika kuma-30% okanye ngaphantsi, ungafumana isithonga sesixa-mali (esiyintlawulo enye) esiqhele ukuwuphinda-phinda kali-15 umvuzo wakho wenyanga. Kwimeko apho ukukhubazeka kusisigxina, apho ubungakanani bokukhubazeka kwakho bungama-30% okanye ngaphantsi, ungasifumana isixa-mali (esiyintlawulo enye) esiqhele ukuwuphinda-phinda kalishumi elinesihlanu umvuzo wakho. Kusenjalo, esona sixa-mali sincinci ngama-R20 385, oko ke ibe kukuphinda-phindwa kalishumi elinesihlanu kwe-R1359,00 (ukuba wamkela ngaphantsi kwe-R1359 uya kufumana amaR20 385). Esona sixa-mali sikhulu ngama-R104 445,00, oko ibe kukuphinda-phindwa kalishumi elinesihlanu kwama-R6 963,00.

Ukuba ubuzaza bokukhubazeka kwakho bulingana nama-31% okanye ngaphezulu, awuyi kufumana sithonga sasixa-mali, endaweni yoko uya kufumana umhlala-phantsi ngenyanga nganye.Isixa-mali somhlala-phantsi wenyanga ukuba ukhubazeke ngokugqibeleleyo, isigxina, ungakwazi kuzenzela nto (oko ke kukuthi 100%), silingana nama-75% esixa somvuzo ubuwamkela ngenyanga. Ukuba ubuzaza bokukhubazeka bungaphantsi kwe-100%, isixa-mali sokukhubazeka siya kwehliswa sibe ngaphantsi kweso sibekelwe umntu okhubazeke ngokugqibeleleyo. Ukuba ingeniso yomqeshwa li-R1 359 ngenyanga nangaphantsi, umhlala-phantsi uya kubalwa ngokubhekiselele kule R1 359. Esona sixa-mali sincinci somhlala-phantsi xa umqeshwa ekhubazeke ngokugqibeleyo isigxina, li-R1 019, 25 ngenyanga.
Apho umqeshwa asutywa kukufa khona, iqabane lakhe elisadla amazimba limelwe kukufumana

* isithonga sesixa-mali esilingana nomhlala-phantsi ophinda-phindwe kabini obuza kufunyanwa nguloo mqeshwa ukuba ebekhubazeke ngokugqibeleleyo isigxina
* umhlala-phantsi olingana nama-40% esixa-mali somhlala-phantsi umfi lowo ebeza kuwufumana, ukuba ebekhubazeke ngokugqibeleleyo isigxina.


Apho umqeshwa athi asutywe kukufa, umntwana wakhe ngamnye ongaphantsi kweshumi elinesibhozo ubudala umelwe kukufumana inkam-nkam yenyanga elingana nama-20% omhlala-phantsi ebiza kuhlawulwa loo mzali wabo ungasekhoyo ukuba ebekhubazeke ngokugqibeleleyo isigxina, ukuya kuma kubantwana abathathu kuphela. Esona sixa-mali senkam-nkam sikhulu esinokunikwa iqabane nabantwana baloo mqeshwa usutywe kukufa xa sidibene ngama-R9 321,00 ngenyanga.

Zonke iintlawulo ezihlawulekayo zonyango nezothutho ezidalwe yiloo ngozi nazo ziyahlawulwa yiNgxowa-mali Yembuyekezo.

Ungasifaka isicelo sembuyekeozo kwiNgxowa-mali kulo naliphi na elinye lala maziko emicimbi yabasebenzi.

Ingaba le mbuyekezo iyichaphazela njani inkxaso-mali yeSebe leeNkonzo Zoluntu? Uya kuba nakho ukufumana inkxaso-mali yokukhubazeka ephuma kwiSebe leeNkonzo Zoluntu nembuyekezo ephuma kwiNgxowa-mali Yembuyekezo kuphela ukuba isixa-mali sokukhubazeka kwakho sincinci kangangokuba usengakwazi ukufumana inkxaso-mali yokukhubazeka ngokwemilinganiselo yemeans test. Ngamanye amazwi, ukuba umvuzo wakho (kuquka nembuyekezo yokukhubazeka kwakho) ungaphantsi kwe-R1 410 ngenyanga, usenakho nokufumana inkxaso-mali yokukhubazeka.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente

* Iinkxaso-mali, Izibonelelo Nembuyekezo: Isishwankathelo
* Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
* Izibonelelo zeNgxowa-mali Yokhuseleko Kwintswela-ngqesho
* Ingxowa-mali Eyimbuyekezo Yabantu Abonzakele Empangelweni (eyayisakwaziwa njengeMbuyekezo Yabasebenzi)
* INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
* Iinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu
* Inkxaso-mali Nezibonelelo Kumashishini Asakhasayo
* Iinkxaso-mali Neemali-mboleko Zokufunda





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* I-Cape Gateway: Indlela Elula Yokufikelela Kulwazi Neenkonzo zikaRhulumente (IiNkonzo)
* Child Grants 2004 (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 381 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uMatshi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





