






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente &gt Izibonelelo zeNgxowa-mali Yokhuseleko Kwintswela-ngqesho

Izibonelelo zeNgxowa-mali Yokhuseleko Kwintswela-ngqesho



Ukuba ubukhe waphangela ngaphambili, ungaya kulanda isibonelelo sentswela-ngqesho sakho kwi-UIF ukuba wawuqeshwe ixesha elingaphezu kweentsuku ezilishumi elinesine. Ukuba awuzange waphangela ngaphambili, awukwazi tu ukufaka ibango kule ngxowa-mali.

Wonke ubani osebenza ixesha elingaphezu kweeyure ezingamashumi amabini anesine ngenyanga umelwe kukubhalisa kwi-UIF ze enze negalelo le 1% lomvuzo wakhe (lidibene namagalelo aphuma kumqeshi wakhe) esiya kwi-UIF. Ukuba ubusoloko ufaka igalelo kule ngxowa-mali, ungafaka isicelo samabango ukuba uthi uphelelwe ngumsebenzi (ukuba uthe wagxothwa okanye wadendwa, kodwa hayi xa uziyekele). Kufuneka ufake ibango lezibonelelo zakho zeUIF kwiinyanga nje ezintandathu ungasasebenzi.

Ukuba ungafaka ibango lesixa-mali esingakanani nexesha elingakanani kuxhomekeke ekubeni usebenze ixesha elingakanani futhi urhola kangakanani na. Ungafumana isibonelelo sosuku olunye ngeentsuku ezintandathu ozisebenzileyo, ukuya kuma kwiintsuku ezingama-238 (ozifumanayo xa usebenze iminyaka emine). Awunakho ukufaka ibango laso nasiphi na isibonelelo nangaliphi na ixesha olisebenze ngexesha ubuzifumanela inkam-nkam ephuma kwiSebe leeNkonzo Zoluntu.

Ukuba uburhola ngaphezu kwama-R8099 ngenyanga ngexesha ubusaphangela, uya kufumana isixa esiqingqiweyo esili-R101,18 ngosuku. Ukuba ubufumana ngaphantsi kwama-R8099, isixa sesibonelelo siya kuba phakathi kwama-38% nama-60% zomvuzo owawuwufumana: ubuncinci bomvuzo owawuwufumana ngoko buthetha ukunyuka kweepesenti zesixa oya kusifumana kule ngxowa-mali. Umzekelo, ukuba uburhola iR1000 ngenyanga, uya kufumana iR17,38 ngosuku.

I-UIF ingafakelwa ibango liqabane okanye abantwana/abantu abebexhomekeke kumsebenzi othe wasutywa kukufa. Usenokusifumana isibonelelo seUIF ukuba awukwazi kusebenza ngenxa yempilo enkene-nkene (ukuya kuma kwiinyanga ezintandathu kodwa unike ingqalelo naluphi na usuku ongaluphangelanga ngenxa yokugula). Ungasifumana nesibonelelo somntu okhulelweyo xa unomntwana, okanye isibonelelo sokwamkela umntwana njengowakho ukuba uthi unikwe umntwana njengowakho ukuba umntwana lowo ungaphantsi kweminyaka emibini ubudala futhi kufuneka uthabathe ixesha ungaphangeli ujongene nomntwana lo. Ngumzali omnye kuphela onokufumana izibonelelo. Kufuneka ufake isicelo sesibonelelo sokukhulelwa ubuncinci iiveki ezisibhozo phambi kokuzalwa komntwana. Kufuneka ufake isicelo sesibonelelo sokwamkelwa komntwana njengomntwana omtsha weli khaya kwiinyanga nje ezintandathu emva komyalelo wokudluliselwa komntwana kuwe.

Ungasifaka isicelo sezibonelelo zeUIF kulo naliphi na IZiko Lezabasebenzi


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente

* Iinkxaso-mali, Izibonelelo Nembuyekezo: Isishwankathelo
* Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
* Izibonelelo zeNgxowa-mali Yokhuseleko Kwintswela-ngqesho
* Ingxowa-mali Eyimbuyekezo Yabantu Abonzakele Empangelweni (eyayisakwaziwa njengeMbuyekezo Yabasebenzi)
* INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
* Iinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu
* Inkxaso-mali Nezibonelelo Kumashishini Asakhasayo
* Iinkxaso-mali Neemali-mboleko Zokufunda





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* I-Cape Gateway: Indlela Elula Yokufikelela Kulwazi Neenkonzo zikaRhulumente (IiNkonzo)
* Child Grants 2004 (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 381 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uMatshi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





