






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > F > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?

Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?



Umbuzo: Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?

Impendulo: Iinkcukacha-manani zidiza ukuba abantu abamnyama bakwelona zinga liphakamileyo lomngcipheko wokuhlaselwa yintsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu. I-Afrika ekumazantsi eSahara inawona mazinga aphakamileyo ehlabathini. Abona bantu bahlaselekayo nabakowona mngcipheko ngabo bakwiingingqi ezineentshukumo ezinkulu zoqoqosho. Kusenokubonakala futhi ukuba amanina amnyama aphakathi kweshumi elinesihlanu namashumi amane anethoba eminyaka ubudala nabakwinqanaba lokufumana abantwana, bakowona mngcipheko wokuhlaselwa yile ntsholongwane. Oku kuza nombuzo wokuba ingaba kutheni abantu abamnyama bekowona mngcipheko umkhulu wokuhlaselwa futhi njengoko iinkcukacha-manani zidiza, bengabona baphila nale ntsholongwane kuzo zonke izizwe.

Imbali yokungabiwa ngokulingana kobutyebi eMzantsi Afrika, ngamaxesha enkqubo yobandlululo ngokobuhlanga eyayivimba abantu abamnyama amalungelo oluntu angundoqo, malungelo lawo afana nemfundo, izindlu, izithuba zemisebenzi kwanokufikelela kwiinkonzo zempilo, inokwayanyaniswa nokugquba kwentshjolongwane kaGawulayo noGawulayo buqu kwabo babe vinjwe la mathuba.

Isimo sabantu abamnyama kuqoqosho loluntu sebenza babe semngciphekweni wokuhlaselwa lula zizifo ezifana nesifo sephepha, izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu. Abona bakowona mngcipheko ungakumbi bahlala ematyotyombeni njengoko kukho beba ngabantu abahluphekileyo nabangaphangeliyo. Baphila kwiimeko ekugquba kuzo iinkonzo ezikumgangatho ophantsi, oko ke kukuthi, apho kungekho lucoceko khona, kungekho manzi acocekileyo okanye kungekho mbane khona. Ukuxinana ze kwezinye iingingqi, ukungabikho zikroba zokungena moya upholileyo kuza nezifo.

Kwalapha kwiindawo zabantu abamnyama, isimo sabantu basetyhini sikumgangatho osezantsi kakhulu, nto leyo ibenza babe semngciphekweni wokuhlaselwa zizifo ezingumvuka wokwanbelana ngesondo ngedlela engakhuselekanga, njengoko besoloko bengenawo amandla okuncokola ngokwabelana ngesondo ngendlela ekhuselekileyo (ukusetyenziswa kweentsilathi) namaqabane abo, ngenxa yenkolelo yenkcubeko eluqilima yokuba indoda nguye ophetheyo kwimiba yokwabelana ngesondo. Ngapha koko, ukuxhomekeka kwamanina emadodeni kwandisa ukuba semngciphekweni kwawo.

Amanina ahlala kwiingingqi ezisemaphandleni nalawo asebenza ezifama nabo bakowona mngcipheko wokuhlaselwa zizifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga eziquka nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu, njengoko ukufikelela kwiinkonzo zononophelo lwempilo kunzima kakhulu kubo ngenxa yokuba iinkonzo apho zimbalwa. Kwezi ye iimeko ezi nkonzo azikho kwa ukubakho. Ngaphezu kwezi meko, amanina ayawavinjwa amathuba okufukelela kumandla oqoqosho.

Kanti ke kwezinye iimeko uloyiko lokwayanyaniswa lunokukhokelela ekubeni amanina angazivezi ukuba aphila nentsholongwane kaGawulayo. Ngaphezu koko futhi, imiba yendalo iyakongeza ukuba semngciphekweni kwamanina ngenxa yokungafumaniseki kwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga kwanokuba iincindi zesondo zisala emzimbeni welo nenekazi iintsuku zibe mbini okanye zibe ntathu yaye zingangena egazini lakhe ukuba kukho ukukrweleka okanye izilonda ngenxa yezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo okanye ukungenwa ngetshova.

Ukuhamba kwabantu befuna impilo engcono, ukusuka kwenye ingingqi ukuya kwenye (eyimbangi yokufuna imisebenzi kwezinye iingingqi okanye kwamanye amazwe) kubenza abo bsntu babe semngciphekweni wokuhlaselwa yintsholongwane kaGawulayo njengoko beba kude nentsapho zabo amaxesha amade kakhulu. Kwimeko yamadoda apho athi, ngenxa yeemeko zawo zempangelo, ahlale kude namakhosikazi/neentsapho zawo amaxesha amade kakhulu, anokuthi aqale ezinye iimanyano namanye amakhosikazi apho anokuthi amaxesha amaninzi athi azibandakanye nokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga. Oku ke kokunye okubeka bobabini indoda nenkosikazi emngciphekweni wokuhlaselwa yintsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





