﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > F > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?

Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?



Umbuzo: Ndivile ukuba urhulumente uya kube enikezela ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo kubantu abaphila nale ntsholongwane kwilixa elizayo. Ndingathanda ke ukwazi ukuba le nkqubo iya kusebenza njani na ukuze nam ndibe nokufikelela kula machiza.

Impendulo: Unyanisile xa uthi amachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo aya kufumaneka kuluntu ngokubanzi, kodwa ke noxa kunjalo, abanyanzelekanga bonke abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo ukuba bawasebenzise la machiza ukuphucula impilo yabo. Unyango ngala machiza lunceda abantu abaphila nale ntsholongwane ukuba baphile ubomi obude nobusempilweni kuba kaloku injongo kukunciphisa izinga lale ntsholongwane emizimbeni yabo (lowo ke ngumthwalo abanawo wale ntsholongwane emizimbeni yabo) kube ke ngoko komelezwa amajoni abo omzimba. Apha eMzantsi Afrika abantu abakwizigidi ezintlanu sele bephila nale ntsholongwane (nto leyo ke ithetha ukuthi omnye kwithoba ngalinye labantu uphila nayo) kodwa ngamakhulu amahlanu amawaka kuphela abantu ekufuneka befumene unyango lwala machiza kuba kaloku uninzi lona lusesempilweni. Elona xesha umntu ophila nentsholongwane ekuya kufuneka efumene unyango ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo kuxa benesibalo se-CD4 esingaphantsi kwama-200 (esi sibalo se-CD4 ke luvavanyo olubonisa ukomelela kwamajoni omzimba) okanye isigulo esichaza ukuphila noGawulayo (umzekelo wesi sifo ke kukwehla kakhulu kobunzima bomzimba, isifo esidumbisa inwebu yobuchopho, isifo sokukral kwemiphunga, ukuphazamiseka kwengqondo, isifo sephepha esibetha ngaphandle kwemiphunga, izifo zomhlaza, izifo ezinento yokwenza nokungcola neencukuthu). Ngoko ke kuya kufuneka ube kanti umelene nezi meko zimbini ngaphambi kokuba ube nakho ukufumana unyango ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwale ntsholongwane kaGawulayo.

iNtshona Koloni yenza izicwangciso zokumisela xa kufika inyanga kaTshazimpunzi ka-2004 iya kube sele inamaziko alishumi elinethoba apho abantu baya kufumana khona la machiza ze amanye amaziko alishumi elinesine avulwe ekuhambeni kwaloo nyaka, nto leyo ke iwabeka kumashumi amathathu anesithathu la maziko okuzibandakanya koluntu nale nkqubo yokufikelela kumachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo.

Le nkqubo yokufikelela kula machiza ke iya kusebenza ngolu hlobo:
Izigulana eziphila nentsholongwane kaGawulayo baya kuthunyelwa kule nkqubo xa isibalo sabo se-CD4 singaphantsi kwama-200 okanye kufunyaniswe ukuba baphila nesifo esichaza ubukho bukaGawulayo. Ezinye iimeko emakumelwane nazo ke ekufikeleleni kule nkqubo ziquka:

Umqathango wokuba isigulana eso kufuneka sibe kanti sizinikele ekusebenziseni olu nyango lumachiza mathathu ubomi baso bonke.

Ukuxelela umntu oza kuba 'ngumlingane kule nkqubo yonyango' okanye umncedisi wesigulana eso ukuqinisekisa ukuba le nkqubo iyathotyelwa futhi iyathobeleka. Kubalulekile ke oku, njengoko ukuthabatha usebenzise amachiza amaninzi nahlukeneyo ngexesha elifanayo ngosuku ngalunye, ntsuku zonke ubomi bakho bonke ingeyonto ilula ukuyenza ngaphandle koncedo. Isigulana eso kufuneka siyithobele imiqathango yokusetyenziswa kwala machiza ukuze siqinisekise ukuba umzimba waso ufumana amachiza awaneleyo kwanokuqinisekisa ukuba ayasebenza la machiza emzimbeni waso.

Ukuqinisekisa ukuba isigulana eso asizintyintyi kakubi ngamachiza, ingakumbi utywala. Isizathu soku ke kukuqinisekisa ukuba isigulana eso asiphathwa kakubi kukutyeka kwesibindi saso butywala obo. Ngapha koko ke, kuya kuba nzima kakhulu ukuwasebenzisa ngendlela yiyo nangenyameko la machiza xa umntu aphantsi kweempembelelo zotywala. Isigulana eso sikwakhuthazwa ukuba siphile ubomi obusilungeleyo nobusempilweni yaye saziswe ngeengozi zokusebebnzisa amachiza akhabanayo.

Ukuqinisekisa ukuba isigulana eso siya kuba nakho ukuzimasa imihlangano emithathu yokunikezelwa kolwazi kwanemibini yokunikelwa kweengcebiso noncedo ngendlela yokuphila. Le nkqubo ke iya kuthabatha iiveki ezintathu ukuya kwezisibhozo ukuze ibe nokugqibelela. Injongo yoku iya kuba kukufundisa isigulana esi kuthotho lwezinto eziquka ulwazi ngala machiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo, injongo yawo, ukuba asebenza njani, iziphene, ukubaluleka kokuthotyelwa kweemeko zokusetyenziswa kwawo kwaneemeko apho umzimba ungawevayo la machiza. Abacebisi ke nabo kuya kufuneka benze uvavanyo lwemeko yokuhlala neyengqondo yesigulana eso ukuze iqela lezonyango lifikelele esigqibeni sokuba isigulana eso siwalungele na la machiza. Ukuba kufunyaniswa ukuba isigulana eso siwalungele amachiza la, kuya kufuneka sinikwe iingcebiso ze sinikwe nemiyalelo yokutyelela iiklinikhi. Ukuba isigulana eso asikawalungeli la machiza umcebisi nesi sigulana baya baya kusebenzisana ekuseombululeni le ngxaki ukuze isigulana sibe nokufikelela kula machiza.

Isigulana kufuneka sivume ukuthabathela kuso uxanduva lwempilo nonyangp lwaso. Oku ke kuthetha ukuba isigulana esi sizinikele ekusebenziseni iipilisi, ukuzimasa yonke imihlangano yokunikezla ngolwazi kwanokuqinisekisa ukuba uyayithobela imiqathango yokuba kule nkqubo.

Xa ndiqoshelayo ke, abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo baya kuba nakho ukufikelela simahla kunyango ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo xa amajoni emizimba yabo edodobele yaye edinga ukomelezwa (apha ke kuxa isibalo sabo se-CD4 singaphantsi kwama-200) naxa bebonakalisile ukuba bakulungele ukuzinikela kuxanduva lokujongana nonyango lwabo ubomi babo bonke. Ngoko ke kuya kufuneka uye kweyona klinikhi ikufutshane nawe ukuze ube nokufumana uvavanyo lokuba ngokwenene ukulungele na ukwamkelwa kule nkqubo.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





