﻿

Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kubundlobongela basekhaya 



Inkcazelo

Yontoni uBundlobongela baseKhaya?

NgokoMthetho woBundlobongela baseKhaya, ekuthiwa yi-Domestic Violence Act No. 116 of 1998, ubundlobongela:

lulo naluphina uhlobo loxhaphazo olubandakanya ukuxhatshazwa ngokwasemzimbeni, ngokwesondo, ngokwasemoyeni, ngokwasengqondweni okanye ngokoqoqosho
ukuthi gqolo ubandezelwa kwaye ukhathazwa
ukonakalisa impahla nezinto zomntu
ukuchwechwela nokulandela umntu ngokungayekiyo
ukungena endaweni  yomntu ngaphandle kwemvume yakhe
nakuphina ukuziphatha okuxhaphazayo okanye okunempatho exhaphazayo
xa oko kuziphatha kubangela ulwenzakalo okanye kungabangela ulwenzakalo kwimpilo yakho, ukhuseleko lwakho okanye kwintlalontle yakho.

Ukubangaba ezi ntlobo zoxhaphazo zenzeka kuwe okanye nakubanina omaziyo, ungenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa. Umyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kubundlobongela basekhaya ngumqulu okhutshwa yinkundla onqanda umxhaphazi ekubeni:

enze isenzo sobundlobongela basekhaya
agaye uncedo lomnye umntu ukuze enze nasiphjina eso senzo
angene kwindawo ekuhlala kuyo ummangali nomtyholwa
angene kwindawo engqalileyo yaloo ndawo kuhlala kuyo ummangali nomtyholwa;
angene kwindawo ekuhlala kuyo ummangali;
angene kwindawo yengqesho yommangali;
anqande ummangali oqhele ukuhlala kule ndawo yabo okanye owayeqhele ukuhlala kuyo, ekubeni angene kuyo okanye ekubeni asale kule ndawo yabo okanye kwinxenye engqalileyo yale ndawo bahlala kuyo; okanye
enze nasiphina esinye isenzo esichazwe kumyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa.

Ngubani ongenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa?



Nabanina oxhatshazwayo okanye oke waxhatshazwa
Umntwana ongekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni angafaka isicelo ngaphandle kokuncediswa
Nawuphina umntu okhathalele impilo nentlalo yommangali. Aba bantu balandelayo bangenza izicelo ngemvume ebhaliweyo yommangali, ngaphandle kokuba ummangali ngumntwana ongekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, ngumntu ododobeleyo ngokwasengqondweni okanye ongekho zingqondweni, okanye ukubangaba inkundla yanelisekile ukuba akanako ukunika imvume eyimfuneko:
Umcebisi 
Unompilo
Ipolisa
Unontlalontle
Utitshala


Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko. 

Inkqubo emayilandelwe 

Yenza isicelo somyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kwiNkundla kaMantyi ekufuphi kwindawo ohlala kuyo nosebenza kuyo, naninina, ngexesha leeyure zokusebenza kwenkundla, nasemva kweeyure zokusebenza kwenkundla kunye nangeeholide zoluntu okanye ngeempelaveki.
Okokuqala, yenza isicelo soMyalelo weThutyana wokuKhusela ukuXhatshazwa ngokugcwalisa iFom 6 ethi: UMyalelo weThutyana wokuKhusela ukuXhatshazwa  kwiNkundla kaMantyi okanye kwiNkundla ePhakamileyo ekufuphi kuwe.
Gcwalisa iFom 2 ethi: Isicelo soMyalelo wokuKhusela ukuXhatshazwa  kwiNkundla kaMantyi okanye kwiNkundla ePhakamileyo ekufuphi kuwe.
Isicelo kufuneka senziwe ngokohlobo lwengxelo ebhaliweyo nefungelweyo , echaza:
Imiba esisekelwe kuyo isicelo
Uhlobo lomyalelo ekwenzelwa wona isicelo
Igama lesikhululo samapolisa apho ummangali kungahle axele khona ukwaphulwa komyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa ekwenziwa isicelo sawo.

Xa isicelo siziswe ngomnye umntu egameni lommangali, ingxelo ebhaliweyo nefungelweyo kufuneka ichaze:
Izizathu zokuba lo mntu ungomnye abenenkathalo ebambekayo kwintlalontle yommangali
Umsebenzi owenziwa ngomnye lo umntu kunye nokuba lo mntu usizisa ngabuni okanye ngasikhundla sini isicelo
Imvume ebhaliweyo yommangali, ngaphandle kwaxa ummangali:


engumntwana ongekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni
edodobele ngokwasengqondweni
engekho zingqondweni
engumntu inkundla eyanelisekileyo ngaye ukuba akanako ukunika imvume eyimfuneko.


Qinisekisa ifom nomabhalana wenkundla, uze ke uyihambise.
Wakube ufumene ifom, umabhalane uyakuthumela isicelo sakho kumantyi, oyakuthi ke yena abeke umhla wokuba ubuyele enkundleni, ukuze isicelo sakho siqwalaselwe.
Kwakhona, umantyi uyakulungisa isaziso sokuxelela umxhaphazi ngomyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa kwanokuba aye nini enkundleni.
Emva kokuvela enkundleni, umantyi angawunika umyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa.

Imithetho esetyenziswayo 

Domestic Violence Act, 1998 , related Regulations and National Instructions  UMthetho woBundlobongela baseKhaya, iMigqaliselo eyayamene nawo kunye neMiyalelo yeLizwe

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 

Kwiimeko zonxunguphalo, le nkonzo ifumaneka iiyure ezingama 24 ngemini 
Umyalelo wokukhusela ukuxhatshazwa ungafunyanwa kwangaloo mini, kodwa ngokubanzi, oku kuxhomekeke ekubeni inzima kangakanani na imeko yakho.
Umyalelo usebenziseka ude ucinywe ngulo mntu uxhatshazwayo.
Ukubangaba umxhaphazi ufaka isibheno, umyalelo uyaqhubeka ukusebenza ude ucinywe yiNkundla yeZibheno.

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa

Iifom ezigcwaliswayo 




Form 2: Application for Protection Order 
Form 4: Interim Protection Order 
Form 6: Protection order  
Form 7: Protection order  


Iinkcukacha zonxulumano 




