﻿
Isicelo semvume yobunjingalwazi ekuqhubeni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Imvume yobunjingalwazi ekuqhubeni ilungiselelwe abanyu ekufuneka baqhube uhlobo oluthile lweemoto. Le mvume ikhhutshwa emva koufumana iphepha-mvume lokuqhuba imoto. Imvume yobunjingalwazi ekuqhbeni lisebenza kwezintlobo zemoto zilandelayo:

izithuthi zempahla, oomasilenge neebhasi
izithuthi ezinobunzima obungaphezulu kwamawaka amathathu namakhulu amahlanu  futhi zenzelwe ukuthwala abantu abalishumi elinambini nangaphezulu kuquka nomqhubi.

Izithintelo ngokweminyaka ekuqhubeni ezintlobo zilandelayo zezithuthi:

izithuthi zempahla – kufuneka ube neminyaka elishumi elinesibhozo
izithuthi zabagibeli – kufuneka ubeneminyaka engamashumi amabini nanye
Izithuthi ezithwala izinto ezinobungozi – kufuneka ubeneminyaka engamashumi amabini nantlanu.

Ungayifumana imvume yobunjingalwazi ekuqhubeni xa:

unephepha-mvume elisemthethweni lohlobo lwemoto oyenzela isicelo
ugqirha wenze isiqinisekiso sokuba ukulungele oku ngokwasempilweni
uqinisekisiwe yindawo yoqeqesho evumelekileyo 
awukagwetyelwa ukuqhuba ngaphantsi kwempembelelo zotywala, ukuqhuba ngokungahoyi nangokungenankathalo okannye ityala lenkohlakalo
alikaze limiswe ukusebenza iphepha-mvume lakho lokuqhuba.

Zizigwebo eziseminyakeni emihlanu edlulileyo kuphela ezingenza ukuba ungayi fumani imvume yokuba yinjingalwazi ekuqhubeni.Izigwebo ezidala ukudlula iminyaka emihlanu azinakuthathelwa ngqalelo.

Umntu osebenzisa omoto okanye umnini moto efunelwa imvume yokuqhutywa ngobuchule, akanakuvumela omnye umntu ayiqhube lemoto endleleni kawonke-wonke, ngaphandle kokuba unemvume yoku yinjingalwazi ekuqhubeni olu hlobo lwemoto.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom i PD1,  usihambise kwiziko lovavanyo.
Awuzuhlolwa amehlo kwiziko lovavanyo.
Veza lamaxwebhu alandelayo:

incwadi yesazisi, ikhadi lephepha-mvume lokuqhuba, incwadi yokundwendwela esemthethweni yase Mzantsi Afrika
iifoto ezimbini zesazisi ezimnyama namhlophe
iphepha-mvume elisemthethweni
isatifiketi soqeqesho 
isatifiketi sakwagqirha 
enye imvume yobunjingalwazi ekuqhubeni okanye imvume yokuqhuba endleleni kawonke-wonke oyiphetheyo.



Bhatala imali efunekayo.
Emva kokuba ubhatele uzakuthunyelwa esikhululweni samapolisa esikufuphi nawe, uye kucela ingxelo yokugwetywa.
Uzawukwaziswa xa ikhadi lemvume yobunjingalwazi ekuqhubeni ilungele ukuthatyathwa. Kufuneka ukwazi ukuzichaza xa uyothabatha ikhadi.Xa lingathatyathwanga ikhadi kwadlula iintsuku ezilikhulu namashumi amabini lizakutshatyalaliswa.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Imvume iba sele ilungile kungekapheli iiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi-nambini.

Entla

Iindleko

