﻿

Isicelo sokuba lipolisa elingesosigxina

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipolisa elingesosigxina  ngumntu wasekuhlaleni owenza imisebenzi yobupolisa ngexesha elingagcwelanga , kwiNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika, ebizwa ngokuba yi-South African Police Service , ngokuzithandela kwakhe futhi engazihlawulelwa ezo nkonzo.

Ungabalipolisa elingesosigxina kwelinye lala macandelo alandelayo:

IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi A — Kwiinkqubo zemisebenzi yobupolisa:

eli polisa lisebenza kuyo yonke imiba yeenkqubo zemisebenzi yobupolisa nokuba kukwinqanaba lasesikhululweni samapolisa, elommandla okanye kwelephondo, kodwa ingeyiyo imisebenzi yobuchule obuthile
lingayinxiba iyunifom
liyakuqeqeshwa kwimiba efanelekileyo yeenkqubo zemisebenzi yobupolisa.

IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi B — Kwiinkonzo zenkxaso:

eli polisa lenza imisebenzi engqalileyo yenkxaso kwi-administreyshini kwinqanaba lelizwe, elephondo, elommandla okanye elesikhululo samapolisa, kwaye alinakusebenza kwiinkqubo zemisebenzi yobupolisa.
alinxibi yunifom
xa kuyimfuneko, liyakuqeqeshwa kwimiba efanelekileyo yasemthethweni, yomgaqo kunye nemiyalelo ebandakanyeka kwimisebenzi engqamene nalo.

IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi C-Imisebenzi yobupolisa enobuchule obuthile:

kufuneka libenezakhono okanye ubuchule bobungcaphephe obuthile obungasetyenziswa yiNkonzo yaMapolisa ngokweenkqubo zemisebenzi yayo, umzekelo, abaqhubi beenqwelontaka, oogqirha, abantywili, oonontlalontle okanye oogqirha abaziingcaphephe zengqondo 


liyakwenza imisebenzi engqalileyo kwicandelo lalo lobuchule bobungcaphephe
ngemvume yenkumanda yalo, lingayinxiba iyunifom
kufuneka liqeqeshwe kwimiba efanelekileyo yasemthethweni, yomgaqo kunye nemiyalelo ebandakanyeka kwimisebenzi engqamene nalo.

IPolisa eliNgesosigxina elikuDidi D - Imisebenzi yobupolisa kwicandelo laseZilalini nelemimandla yeedolophu:

eli polisa lisebenza kwimiba yeenkqubo zemisebenzi eyayamene nobupolisa becandelo kwimimandla yasezilalini neyeedolophu kwicandelo elingqalileyo kwinqanaba lasesikhululweni samapolisa; liyakwenza imisebenzi kuphela kwimimandla echaziweyo kwicandelo elingqalileyo ngokubona kwenkumanda
lingayinxiba iyunifom, kuxhomekeke kwindlela elisetyenziswa ngayo
Kufuneka liqeqeshwe kwimiba efanelekileyo yobupolisa becandelo kunye nakwinkqubo yemisebenzi okanye kwinkqubo yemisebenzi yobupolisa eyayamene nemisebenzi yalo. Kuyakufuneka uqeqesho olongezelelweyo ukubangaga libandakanyeka kwiinkqubo zemisebenzi yobupolisa becandelo.


Ipolisa elingesosigxina elityunjelwe kudidi oluthile lingatshintshelwa kulo naliphina olunye udidi ukubangaba liyahambisana nazo zonke iimfuneko zelo didi lingqalileyo kwaye liqeqeshiwe okanye lizimisele ukuya kuqeqesho olufunekayo kolo didi.

Ngokwemigqaliselo yeNkonzo yaMapolisa aNgesosigxina aseMzantsi Afrika  kufuneka:

ubengumhlali osisigxina waseMzantsi Afrika
ubeneminyaka eli 18 nangaphezulu ubudala, kwaye ubengaphantsi kweminyaka engama 70 ubudala
ugcwalise uxwebhu lwemibuzo yempilo njengoko kuqulungqwe nguMkomishina weLizwe
ungabinanto ethe gqwithi engqondweni, isifo okanye ubuthathaka obungaphazamisana nokwenza imisebenzi yakho ngokufanelekileyo
ubengumntu oziphethe kakuhle, kwaye ke kuyakufuneka kufunyanwe imbali yakho yokuziphatha kakuhle
ugqibe ngempumelelo uvavanyo lokusebenza kwengqondo oluqulungqwe nguMkomishina waMapolisa eLizweni
okungenani ubene-senior certificate okanye iikhwalifikheyshini ezilingana naso kwaye unike ubungqina ngokwemiqulu
kufuneka ukwazi ukuthetha, ukufunda nokubhala nge-English okungenani, njengelinye leelwimi ezigunyazisiweyo
uvume ukunyatheliswa iminwe  kwaye ube awuzange wafunyaniswa unetyala lesenzo sobugebenga okanye awukho phantsi kotshutshiso ngesenzo sobugebenga
uzimisele ukuya kuqeqeshwa
uzimisele ukwenza isifungo sesikhundla
ungabinemivambo ebonakalayo;kwaye
ngokulicebo elihle, ubenelayisensi yokuqhuba, nangona nje ingeyomfuneko ekumele iqale ifezekiswe ngamapolisa angesosigxina phambi kokuba angenele lo msebenzi.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yiya kwisikhululo samapolisa esikufuphi kuwe
Gcwalisa:

ifom yesicelo, ekuthiwa yi-SAPS 93
ifom yeenkcukacha zobuqu, 
isithembiso sokuzinikela 
uxwebhu lwemibuzo yempilo, 
uxwebhu lwemibuzo yokhuseleko, ekuthiwa yi-Z204, ukubangaba awungommi waseMzantsi Afrika
ifom yokuqonda ngonyatheliso lweminwe )
Imvume esuka kubazali bakho okanye kumlondolozi wakho  ukubangaba uneminyaka yobudala engaphantsi kwama 21

Phatha le miqulu ilandelayo:

ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi
ikopi eqinisekisiweyo yelayisensi yokuqhuba, ukuba unayo
iikopi eziqinisekisiweyo zeekhwalifikheyshini zakho zemfundo.


Ngubani ongenakutyunjwa abelipolisa elingesosigxina:

Umntu oyekisiweyo emsebenzini kumqashi wangaphambili ngenxa yobuthathaka bempilo
Umntu owayekade elilungu leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika, esathi saliwa isicelo sakhe sokuphinda angene kule nkonzo
umntu onomsebenzi othile okanye onesikhundla kwiqela lezopolitiko
unondaba osisigxina okanye ummeli weenkonzo zosasazo lweendaba
umfundi wesikolo
unogada/igosa eliyisetyhorithi
ilungu leNkonzo yaMapolisa kaMasipala.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



The South African Police Service Act, 1995  
The Regulations for the South African Reserve Police Service 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukubangaba ufunyaniswe ufanelekile, isicelo sakho siyakuvunywa nguMkomishina woMmandla kwaye uyakufungiswa. Awuyikuvunyelwa wenze imisebenzi yobupolisa phambi kokuba ugqibe ngempumelelo uqeqesho lwakho. Emva koko ke, uyakunikwa isatifiketi esigunyazisiweyo sokufakwa emsebenzini.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


