﻿Isicelo sokubandakanywa kwinkqubo yabantu yezezindlu Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

INkqubo yaBantu yezeZindlu  licebo likarhulumente lokuzisela abantu iinkonzo zezindlu, exhasa amakhaya anqwenela ukunyusa uncediso lwawo lweesabhsidi ngokuzakhela izindlu zawo okanye ngokumanyana azakhele izindlu zawo.

Le nkqubo iphembelela abazuzi baseke umbutho wenkxaso kwezezindlu oyakubancedisa ngokuququzelela ulwakhiwo, ngokobuchwepheshe nangokweenkqubo zokuphathwa nokulawulwa kwenkqubo yezindlu. Olu ncediso lubandakanya uqeqesho nezikhokelo kubazuzi ukuze bazakhele izindlu zabo.

Le ndlela yokuzikhethela ifumaneka kubazuzi ngokusekelwe kwiprojekthi, ngokwenkqubo yesabhsidi yesongezelelo sokuqinisa, yamaziko kunye nenxulumene neprojekthi. Ngaphezu koko, iyafumaneka kwimimandla yasezilalini apho abantu banamalungelo emiqathango yosetyenziso kuphela kumhlaba abahleli kuwo.

Isebenza njani iNkqubo yaBantu yezeZindlu?

Le nkqubo ikuvumela ukuba usebenzise uncediso lwesabhsidi ukuze uzakhele indlu yakho. Njengoko uncediso lobuchwepheshe lungundoqo kule nkqubo, wonke umntu othabatha inxaxheba kule nkqubo kudingeka ukuba abenombutho wenkxaso. Lo mbutho unika inkxaso yobuchwepheshe ukuze uqinisekise ukuba indlu yakhiwa ngokufanelekileyo.

Abantu abazakhela izindlu zabo ngokwabo okanye abaququzelela ukwakhiwa kwezindlu zabo, bangakha izindlu ezinkulu ngemali encinane.

Inkqubo yaBantu yezeZindlu ikuvumela ukuba:


wonge iindleko zabasebenzi ngokwenza omnye umsebenzi wokwakha ngokwakho okanye ngokuncediswa yifemeli yakho, abamelwane, abahlobo kunye nabanye abantu ukuze bakuncede
usinde ekubeni uhlawule inzuzo  kubaphuhlisi bemihlaba, kwaye
uthabathe ezona zigqibo zingcono kakhulu.


Ukuze uvumeleke ungene kule nkqubo, kufuneka:

Ube utshatile okanye uhlalisana nomnye umntu, okanye kufuneka kubekho abantu abaxhomeke kuwe ngokwemali.
Ubengumhlali osemthethweni eMzantsi Afrika.
Ukwazi ngokwasemthethweni ukungenela isivumelwano sekhontrakthi. Oko kukuthi, kufuneka ubengaphezulu kwama 21 eminyaka yobudala okanye ube utshatile kwaye kufuneka ubesengqondweni efanelekileyo.
Ubenengeniso-mali epheleleyo yekhaya engaphantsi kwe R3 500.
Ube zange ngaphambili wafumana uncediso lwesabhsidi kuRhulumente yokuthenga indlu.
Ube kokokuqala ungumnikazi wepropati.

Qaphela ukuba kufuneka ungene kwisivumelwano sekhontrakthi nombutho wenkxaso oliqumrhu elisemthethweni. Lo mbutho wenkxaso uyakukuncedisa ngokobuchwepheshe nangokweenkqubo zokuphatha nokulawula.
Entla

Inkqubo emayilandelwe

nxulumana neSebe lezeZindlu kwiPhondo
khupha iNcwadi yeSazisi yakho, eyomlingane wakho kunye nezabantwana
khupha ikopi yencwadi ebonisa umvuzo wakho okanye ubungqina bemali oyamkelayo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Housing Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqhubekiswa ngamasebe ezindlu kumaphondo. Ixesha elithatyathwayo ukuze kuziswe le nkonzo lixhomekeka kwimeko ngemeko.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho fom yesicelo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


