

INcwadi yokuBuyisa yentlawulo yesibini yerhafu yokubambisa

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Xa umntu engenelwa yimali erhafelekayo engaxhuzulelwayo ngokwe-SITE okanye i-PAYE , kufanele ahlawule irhafu yokubambisa kule ngeniso-mali. Iintlawulo zerhafu yokubambisa zenziwa ngokweenyanga ezintandathu.

Irhafu yokubambisa yenzelwe ukunceda abarhafi bamelane noxanduva lwabo lwerhafu ngokuqhubekayo, endaweni yokuba bahlawule iimali ezinkulu kubekanye ngonyaka xa bevavanywa. Intlawulo yerhafu yokubambisa iyakungqamaniswa nerhafu yengeniso-mali yokugqibela  ekufanele umntu ayihlawule kuloo nyaka wovavanyo ubandakanyekayo.

Umntu obanoxanduva lokuhlawula irhafu yokubambisa kufuneka, kwisithuba seentsuku ezingama 30 efikelele kolo xanduva, enze isicelo esibhaliweyo sokubhaliswa kwi-ofisi yebhrentshi yendawo ye-South African Revenue Service. Ukungakwenzi oku kuyakukhokelela ekuhlawulisweni inzala kunye nezohlwayo zokuhlawula kade kunye nerhafu eyongezelelweyo yokubuyisa iincwadi kade.

Umhla wokungena kwentlawulo yerhafu yesibini yokubambisa awudluli kumhla wokugqibela wonyaka wokuvavanywa okanye umhla ovunyiweyo wokuphela konyaka-mali.

Qaphela: 

Xa ngaba uphelo lonyaka-mali wangoFebhruwari lunobunzima ngokwezemali yaye kufunyenwe imvume kwi-SARS yokusa iingxelo zemali ngomhla ongenguwo owokuphela kukaFebhruwari, abo bantu bangaphinda bacele imvume yokusa iincwadi zokubuyisa zerhafu yokubambisa ngokuhambisana nokuphela konyaka-mali ovunyiweyo. Nangona kunjalo, zonke ezinye iingeniso-mali zihlala zikulo nyaka wovavanyo ophela ngomhla wama 28/29 Febhruwari.

Bala irhafu yokubambisa ngolu hlobo lulandelayo kwixesha lesibini:

irhafu eqikelelwayo iyonke kunyaka opheleleyo
uthabathe irhafu yomqeshwa ehlawulwa kunyaka opheleleyo
uthabathe naziphina iikhredithi zerhafu yangaphandle zonyaka opheleleyo
uthabathe imali ehlawulwe kwixesha lokuqala.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Hlawula ngokwefom yokubuyisa eqingqelwe oko ebizwa ngokuba yi-IRP6, ngomhla okanye phambi komhla ekufanele intalwulo ingene ngawo.
Ezi ndlela zilandelayo zokwenza iintlawulo kwi-SARS ziyafumaneka:

Iintlawulo zerhafu yengeniso engaphezulu  zingenziwa nakweyiphi na i-ofisi yesebe lakwa-SARS, ngeMivulo ukuya ngooLwezihlanu, phakathi ko-08h00 no-15h30, kungabandakanywanga iiholide zomntu wonke .

Xa iintlawulo zenziwe nge-posi, ngokusebenzisa ibhanki okanye i-ATM, ixesha elaneleyo lokuthumela ngeposi okanye lokusebenzisa le nkqubo, malithathelwe ingqalelo.

Xa iintlawulo zisenziwa ngekhompyutha, makwenziwe amalungiselelo okuba amaxesha ebhanki yakho amiselweyo okuvala ukuthatha iintlawulo  nethuba lokuqinisekisa kokufaneleka kwentlawulo  okunokwenzeka phakathi kweentsuku ezimbini nezintlanu.


Iinkcukacha zokubhankisha:

Abantu abenzelwa iinkonzo  abahlawula ngokwabo ebhankini  nakweyiphi na ibhanki kwezi: ABSA, FNB, okanye kwisebe lakwa Nedbank akusafuneki ukuba banikezela ngeenkcukacha zenombolo ye-akhawunti yebhanki nekhowudi yebhanki  xa kusenziwa iintlawulo. Oku kusebenza ngokulinganayo kubo bonke abantu abenzelwa iinkonzo  bazo zonke ezi bhanki: ABSA, FNB, Nedbank, ne-Standard Bank ababhankisha ngo-intanethi .

Okuya kufuneka koku kulandelayo:


inombolo yesalathiso yentlawulo yowenzelwa iinkonzo  enamanani ali-19 

uxwebhu lweSazisi salowo wenzelwa iinkonzo  okanye inombolo ye-akhawunti eqhagamshelaniswe nohlobo oluthe ngqo lwerhafu ukulungiselela intlawulo.



Ezi nkcukacha zibonakaliswa kuxwebhu lwenkcazelo yomvuzo i-payment advice lweritheni ye-IRP 6 .

Iintlawulo ezingangqinelaniyo nazo zombini inombolo yesalathiso yentlawulo echazwe ngentla apha  noxwebhu lweSazisi lowenzelwa iinkonzo , aziyi kwamkelwa.


Ukuba usuku lokugqibela lentlawulo liwela kumhla weholide yomntu wonke  okanye kwimpela-veki, intlawulo mayenziwe ngosuku lokugqibela lokusebenza phambi komhla weholide yomntu wonke okanye phambi komhla weholide yomntu wonke okanye kwempelaveki.

Qaphela:

Iifom zokubuyisa ze-IRP 6 kwixesha lesibini mazithunyelwe nokubangaba, wena ngokokubala kwakho, akukho ntlawulo ifunekayo yokubambisa.
Intlawulo yesibini yerhafu yokubambisa kufanele isekelwe kwingeniso-mali erhafelekayo eqikelelwayo elingana nemali esisiseko okanye imali esekelwe kwingeniso-mali yakho eyiyo nqo erhafekelayo kuloo nyaka.
Unganoxanduva lwerhafu eyongezelelweyo ukubangaba ingeniso-mali yakho erhafelekayo eqikelelweyo ingaphantsi kwe 90% yengeniso-mali eyiyo nqo erhafelekayo yaye ingaphantsi kwemali esisiseko.
Qinisekisa ukuba iifom zokubuyisa ze-IRP6 zifakwa kwi-ofisi yebhrentshi ye-SARS ebandakanyekayo kuselithuba phambi komhla ekufanele kungene ngawo intlawulo. Oku kuyakuqinisekisa ukuba isicelo sakho sifunyanwa kwaye siphunyezwa kwangethuba, kwaye awuyikufuneka uhlawule izohlwayo nenzala.
Iphetshana lokuhlawula, eliyinxenye yefom yokubuyisa ye-IRP6 likwiphepha elilodwa ngoku. Ngoko ke ungayibuyisa incwadi yerhafu ngokwahlukeneyo nentlawulo.
Jonga iZikhokelo kwincwadi ethi IRP 12 Guidelines ukubangaba udinga uncediso ekugcwaliseni ifom yokubuyisa ye-IRP6.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

U-SARS uqalise imigangatho yenkonzo  eya kuqaliswa ukwenziwa ngokwezigaba ngezigaba kwisithuba seminyaka emibini . Xa ungenisa iiritheni zakho okanye amaxwebhu erhafu azii-returns u-SARS unenjongo yokuba:

asebenze aze avavanye kangange- 80% yeefom zeritheni zerhafu yengeniso  ezizaliswe ngokuchanekileyo zaza zasayinwa kwiintsuku eziyi-90 zokusebenza ukususela kuloo mhla wokufunyanwa kwazo ngethuba elixakekileyo lokusebenza   kwaye ngethuba leentsuku eziyi-34 zokusebenza zokufunyanwa kwazo ngamathuba angaxakekanga  

asebenze iiritheni ze VAT neze-PAYE kwisithuba seentsuku eziyi-20 zokusebenza zakuba zifunyenwe

asebenze kangange-90% zonke iiritheni ezingeniswe ngekhompyutha  ezangaphakathi nezangaphandle  kwisithuba zeeyure ezi-4 zokufunyanwa kwazo neeyure eziyi-24 zokufunyanwa kwazo iiritheni ezingeniswe ngesandla .


Qwalasela:

Ukuba ummeli  usingethe imicimbi yakho yerhafu, kubalulekile ukuba uqinisekise ukuba u-SARS uyachazelwa ngalo mba. Oku kwenzelwe ukukhusela wena kwanokuqinisekisa ukuba i-SARS akalidleleleli ilungelo lakho lokuba nguwe wedwa nokuba yimfihlo kwemicimbi yakho .

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Return for the second provisional tax paymentIRP6: Individual 
Return for the second provisional tax payment IRP6: Trust 

Return for the second provisional tax payment IRP6: Company or close corporation  Inkampani okanye iqumrhu elivaliweyo)

Iphetshana lentlawulo likwifom yokubuyisa ye-IRP 6.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


