﻿

Isicelo sepemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentlanzi

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Indawo yokwenza imveliso yeentlanzi, ebizwa ngokuba yi-fish processing establishment , sisithuthi, inqanawa, iziko neendawo ezilingqongileyo okanye indawo apho into ethile okanye imveliso ethile yenziwa kwintlanzi. Le mveliso ingenziwa nangayiphi na indlela, efana nokunqunqa, ukusikelela, ukwaba amalungu athile, ukucoca, ukupakisha, ukukrozisa kunye nokugcina intlanzi. Eli ziko likwabandakanya indawo yokufaka intlanzi etotini, ukuyipakisha, ukuyomisa, ukuyiqhola ngetyiwa, ukuyifaka emkhenkceni, ukuyibandisa, ukuyiqinisa ngomkhenkce okanye ukwenza imveliso yayo ukuze ithengiswe eMzantsi Afrika okanye kumazwe angaphandle.

Ukuze wenze umsebenzi wokwenza imveliso yentlanzi, kufuneka uqale wenze isicelo se-FPE okanye selungelo lokuloba kwaye ulinikwe elo lungelo. Ukuze usebenzise eli lungelo lokuloba okanye ilungelo lokusebenzisa i-FPE, kufuneka wenze isicelo sepemethe evuseleleka ngonyaka kwaye uyinikwe le pemethe liSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho elibizwa ngokuba yi-Department of Environmental Affairs and Tourism . Umntu onale pemethe kufuneka alandele imiqathango echazwe kule pemethe. Ukungaphumeleli ukwenza njalo kungakhokelela ekubeni ipemethe inqunyanyiswe, okanye icinywe, okanye elo lungelo lohluthwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo selungelo lokuloba kuphela xa kukho isimemo, esiya kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente.

Fumana ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho okanye kwiziko lokwamkela okanye lokukhupha iifom eliya kupapashwa liSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.

Sifunde ngocoselelo futhi uyiqonde yonke into ekwisicelo, kwaye uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko kunye nemiqathango yesicelo.

Zalisa, sayina kwaye uthumele ifom yesicelo nemiqulu yokuxhasa eqinisekisiweyo efunekayo kunye nentlawulo emisiweyo engabuyiswayo, kwindawo echazwe yi-DEA&T okanye kwi-ofisi ye-DEA&T ekufuphi kuwe.

Inkqubo yovavanyo iya kuqalisa emva komhla wokuvalelwa kwezicelo kwaye iziphumo ziya kupapashwa ngembalelwano yi-DEA&T. Ukubangaba unikwe ilungelo le-FPE  , kufuneka wenze isicelo sepemethe yokuqhuba i-FPE kwaye wanelise iimfuno phambi kokuba unikwe ipemethe.

Kwiimeko ezikhethekileyo nezizodwa. ungaqwalaselwa umnyenyevu wokungafunwa ndawo yokwenza imveliso yeentlanzi, ngokubona koMphathiswa weSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.

Ukubangaba unikwe umnyenyevu wale ndawo yokwenza imveliso yeentlanzi, kufuneka usenze sona isicelo sepemethe yokuqhuba indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  
The Sea Fishery Act, 1988  
The Sea-shore Act, 1935  
The International Convention for the Prevention of Pollution from Ships Act, 1986  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo selungelo le-FPE  singathabatha inyanga enye ukuya kutsho kwiinyanga ezi- 3, ngokuqwalasela ubungakanani bezicelo. Ipemethe yokuqhuba indawo yokwenza imveliso ingathabatha usuku olunye okanye iintsuku ezingaphezulu kwesinye, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.

Entla

Iindleko

Iimali ezihlawulwayo ziqwalaselwa ngokutsha okanye ziqulungqwa ngonyaka nguMphathiswa okanye ngugunyaziwe onikwe amandla okwenza njalo, ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali.

R6 000 – Isicelo selungelo lendawo yokwenza imveliso yeentlanzi okanye ilungelo lokuloba: ukuze uqhube indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.

R1 330, kongezwe i-R125 yentlawulo yesicelo– Isicelo sepemethe yokuloba: ukuze uqhube indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.


Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a Fish Processing Establishment Permit

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


