
Apply for a licence to operate a reserved postal service
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iinkonzo ii-reserved postal services zibandakanya zonke iileta, ii-postcards, izinto eziprintiweyo , iipasile ezincinane nezinye izinto eziposwayo ezizi- postal articles. Ilayisensi inika umnininyo  ilungelo lokusebenza njengenkonzo yezeposi eyenza umsebenzi othile  kwaye ibaphantsi kolawulo lwemiqathango yomthetho  ekubhekiswe kuzo kwiSahluko 16 soMthetho iPostal Services Act, 1998.

Nceda uqaphele: Ukukhutshwa kwelayisensi yemimandla egcinelwe iinjongo ezithile  kuya kwenzeka kuphela xa uMphathiswa ebhengeze isimemo sokuba kwenziwe izicelo. Kungokunje, iPosi yaseMzantsi Afrika  kuphela iyinto enobuntu enamalungelo ngokomthetho enelayisensi yokusebenza . Akukho mntu unokusebenza njengenkonzo yezeposi eyenza umsebenzi othile  ngaphandle kokuba abe nelayisensi yokwenza njalo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yokwenza isicelo ngokuprinta ngoonobumba abakhulu.
Ngenisa ifom yokwenza isicelo kwiSebe lezoNxibelelwano .
Iifom zokwenza isicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kubuyiselwa kumenzi-sicelo kwaye akukho mntu uya kuthwaliswa uxanduva ngenxa yako nakuphi na ukungaphatheki kakuhle okumalunga noku.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



, 1998 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ilayisensi isengagqitywa emva kweentsuku eziyi-30.

Entla

Iindleko

Intlawulo yobhaliso engabuyiswayo  ye-R500
Iintlawulo yelayisensi yi-R25 000

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifom yokwenza isicelo : Application for registration to operate reserved postal services. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


