
Isicelo sokwenza ingxelo ngengozi emsebenzini kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

UMthetho weMbuyekezo kuMenzakalo neZigulo eMsebenzini ka-1993, ufuna ukuba abaqeshi banike ingxelo ngazo zonke iingozi ezenzeka emsebenzini kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Abaqeshi mabazalise iCandelo A yefom W.Cl.2.
Abaqeshi mabayikrazule bayisuse iCandelo B yefom W.Cl.2 baze bayinike ugqirha okanye isibhedlele ukuze izaliswe ngokukhawuleza emva kwengozi.
Abaqeshi mabathumele iCandelo A yefom ezaliswe ngokupheleleyo kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo ngokukhawuleza emva kwengozi.
Abaqeshi abafanele kulindela ukuba iCandelo B yefom izaliswe ngugqirha phambi kokuba bangenise ibango. Bakuba abaqeshi befumene inxenye yefom elicandelo likagqirha, bangayingenisa ifom ngokunjalo.
Amabango angathunyelwa ku:
UMkhomishinari weMbuyekezo
PO Box 955
Pretoria
0001
Abaqeshi mabahlawule imbuyekezo kumsebenzi kwinyanga ezintathu zokuqala emva kwengozi. INgxowa-mali yeMbuyekezo iya kumbuyekeza umqeshi malunga noku.
Abaqeshi mabangenise ingxelo yonyango yokuqala  ngokukhawuleza, bakuyifumana kugqirha.
Ukuba umsebenzi akanakho ukubuyela emsebenzini ixesha elide, abaqeshi mabafumane iingxelo zenkqubela yonyango  kugqirha zize zizingenise kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo qho ngenyanga.
Xa umsebenzi eqalisa ukusebenza kwakhona, abaqeshwa mabathumele ingxelo yokuqalisa kwakhona emsebenzini  nengxelo yonyango yokugqibela  kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Compensation for Occupational Injuries and Diseases Act, 1993  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Oku kuya kuxhomekeka ekubeni ingaba zizaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo kusini na.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Employer's report of an accident, ID: W.Cl.2 
First medical report in respect of an accident, W.Cl.4 
Final or progress medical report in respect of an accident, ID: W.Cl.5 
Resumption report, ID: W.Cl.6 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


