﻿
Isaziso sokutshintsha komnini moto okanye ukuthengiswa kwemoto
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Oku kukunika isaziso kwabasemaguyeni kubhaliso lwemoto, sokutshintsha kobunini moto okanye uphatho lwamaxwebhu amalungelo. Isaziso kufuneka sithunyelwe kwabase magunyeni kubhaliso lwemoto kungaphelanga intsuku ezingamashumi amabini nanye, ukusukela ngosuku lokwenziwa kotshintsho.

Abaphathi baxwebhu amalungelo okanye abanini moto kufuneka batyikitye isatifiketi esitsha sobhaliso basinikezele kumphathi woxwebhu lamalungelo okanye umnini omtsha wemoto.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Umnini ontsha wemotokufuneka aqhakamshelane ne ofisi yamagosa endlela ekufutshane.
Yiza nala maxwebhu alandelayo:

isatifiketi sobhaliso lwemoto
icwe-cwe lephepha-mvume elisemthethweni
incwadi yesaziso.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolo suku lwesicelo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifomu lesaziso sokutshintsha kobunini moto okanye ukuthengiswa kwemoto lifumaneka kwi ofisi yamagosa endlela.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


