﻿
Isaziso sokuchazela i-Nedlac ngenyathelo loqhankqalazo oluphononongwa ngumbutho wabasebenzi  okanye yimanyano yemibutho yabasebenzi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Icandelo 77 lomThetho woBudlelwane beZabasebenzi, wowe- 1995 , linika abasebenzi ilungelo lokuthabatha inxaxheba kuqhankqalazo ukuze baphakamise okanye bakhusele iminqweno yabo yezentlalo noqoqosho, kwaye libakhusela ekugxothweni nakwamanye amanyathelo oluleko. Lo mthetho unika iBhunga leLizwe leZabasebenzi kunye noPhuhliso lwezoQoqosho ekuthiwa yi-National Economic Development and Labour Council  – njengebhunga lokuqulunqa umgaqo elinabameli abaphuma kurhulumente, koosomabhizinisi, kubasebenzi nakubahlali – uxanduva lokudibanisa le mihlambi ukuze izame ukusombulula izizathu zenyathelo lokuqhankqalaza.

I-Nedlac kufuneka ixelelwe ngeli nyathelo ngefom eqingqiweyo . Kufuneka kuchazwe kule fom izizathu kunye nohlobo lwenyathelo elicetywayo. Oku akubandakanyi umhla wenyathelo elicetywayo, njengoko oku kungasingela phantsi inkqubo yokuzama ukufikelela kwimvisiswano.

Ukubangaba iinzame zokusombulula aziphumelelanga, umbutho wabasebenzi okanye imanyano yemibutho yabasebenzi kufuneka inike i-Nedlac isaziso sesibini esiyixelela ngeenjongo zayo zokuqhubeka ngenyathelo loqhankqalazo. Esi saziso sesibini kufuneka sisiwe kwi-Nedlac okungenani kwiintsuku ezili- 14 phambi kokuba liqalise inyathelo lokuqhankqalaza.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yazisa i-Nedlac ngeenjongo zombutho wabasebenzi zokuqhubeka ngenyathelo lokuqhankqalaza.
Unobhala wombutho wabasebenzi okanye wemanyano yemibutho yabasebenzi kufanele azalise ifom yesicelo.
Thumela ifom ezalisiweyo kule dilesi ilandelayo:
Executive Director
Nedlac
P.O Box 443
Auckland Park
2006

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Labour Relations Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

I-Nedlac kufanele ifumane ifom okungenani kwiintsuku ezili- 14 phambi kokuba kuqaliswe ngenyathelo lokuqhankqalaza.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Notice to Nedlac of intention to proceed with protest action, Form LRA 4.5 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


