﻿

Isaziso solungiso kwisitetimenti sokuseka iqumrhu elingavulelekanga

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iinjongo zale nkonzo kukwazisa uMphathi woBhaliso lweeNkampani malunga neenguqu kwishishini lakho elibhalisiweyo. Ezi nguqu zingasukela ekufakweni kwamalungu amatsha okanye kurhoxiso lwamalungu, ukuya kwigosa elitsha elimele iinkonzo, idilesi yokuposa, njalo-njalo.

Xa kukho iinguqu ezenziweyo ngokuphathelelene nequmrhu elingavulelekanga elibhalisiweyo – nokuba zayamene namalungu , okanye kwiinguqu malunga negosa elimele iinkonzo okanye idilesi yokuposa ye-CC – kuyimfuneko ukubhalisa ezi nguqu kwi-Ofisi yoBhaliso lwaMaqumrhu angaVulelekanga .

Ezi nguqu kufuneka zifakwe kuvimba wokugcina inkcazelo kwiSitetimenti sokuSeka esiLungisiweyo se-CK2 . Amanqaku abalulekileyo aphathelelene nokuzaliswa kwefom ye-CK2, adweliswe ngasemva kwephepha 2 kwaye kufuneka afundwe phambi kokuba kuzaliswe iifom.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khuphela oluxhwebhu lunezikhewu kwi i-CK2 kwaye uzalise loo macandelo abandakanyeka kwimeko yakho.

Zalisa iCandelo A ukubangaba kukho utshintsho kwigama le-CC okanye uhlobo lweshishini.

Zalisa ifom ekuthiwa yi-CK2A ngokuphathelelene neenguqu kwigosa elimele iinkonzo okanye kwidilesi yeshishini. Zalisa iCandelo B ngokuphathelelene neenguqu kwiinkcukacha zamalungu.

Zalisa ifom ekuthiwa yi-CK2 kunye ne-CK2A nge-inki emnyama, usebenzise oonobumba abangadityaniswanga.

Hambisa ifom eluqobo lwayo ye-CK2 okanye ye-CK2A kwi-Ofisi yoBhaliso lwaMaqumrhu angaVulelekanga .

Khupha ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi sobhaliso lwe-CC.

Khupha iincwadi zezazisi zamalungu abandakanyeka kwi-CC.

Hlawula imali efunekayo.


Akuvumelekanga kubekho iindawo ezicinyiweyo kwifom okanye kwiifom. Xa iinguqu ziqhubekisiwe, kuya kuposelwa kwiQumrhu elingaVulelekanga isatifiketi esingqina ubhaliso lwezilungiso.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Close Corporations Act, 1984 , Section 15 UmThetho waMaqumrhu angaVulelekanga
Business Names Act, 1960  UmThetho waMagama waMashishini

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iintsuku ezisibhozo ukuze kugqitywe inkqubo.

Entla

Iindleko

R30, yeCandelo A le-CK2 kuphela.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Amended founding statement CK2 
Amendment wrt respect to accounting officer and addresses, CK2A 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


