﻿

Isicelo sokuvula i-akhawunti yebhanki ekuthiwa ngu Mzansi






Inkcazelo

I-Akhawunti ekuthiwa ngu Mzansi yinkonzo eqhutywa ziiPosi zaseMzantsi Afrika elungiselelwe umntu ngamnye. Yindlela elula neluncedo yokwamkela nokutsala imali, okanye yokwenza iintlawulo. Ungaqiniseka ukuba imali yakho ikhuselekile, kwaye, ngenxa yokuba kungekho zintlawuliso zeenkonzo zenyanga, into nje eyenzeka kwimali oyigcina kwi-akhawunti yakho kukuzuza inzala. Akukho zintlawulo zimisiweyo ezisisigxina, uhlawulela kuphela oko ukusebenzisayo. Akukho mfuneko ye-pay slip ukuze uvule i-akhawunti ekuthiwa ngu Mzansi. Nabanina angayivula le akhawunti kuba akukho zinto ziyimfuneko zokuvumeleka, ezifana nengeniso-mali esisiseko. Ungaqhuba iinkonzo zakho zebhanki kwiibhrentshi zePosi ezili 1300 nakooMatshini beMali be-Saswitch abangaphezulu kwama 8000.

Zonke iimali ezifakwa kwiikhawuntari zasePosini azihlawulelwa.

Qaphela: Abantwana abangekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni abanqwenela ukuvula ii-akhawunti mabakhatshwe ngabalondolozi babo basemthethweni, okanye ngumzali okanye abazali.



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi 
posini.
Inkqubo emayilandelwe



Ukuze uvule i-akhawunti, izinto nje ekufuneka uzenze zezi zilandelayo:

Yiya ePosini ekufutshane eMzantsi Afrika kwaye ucele umbali-mali akunike ifom yesicelo.
Gcwalisa le fom yesicelo.
Veza incwadi yakho yesazisi.
Nika ubungqina be-adresi yendawo ohlala kuyo. Njengenxenye yoMthetho weZiko loBuntlola beZemali , bonke abenzi-zicelo kufuneka banike ubungqina be-adresi yendawo yokuhlala. Oku kungaba ngokohlobo lweempepha zentlawuliso yeenkonzo ezisetyenzisiweyo . Ukubangaba uyarenta, kufuneka ikopi yesivumelwano sokurentisa. Ukubangaba uhlala nabazali bakho, kufuneka incwadi ebhaliweyo nefungelweyo  echaza oku.
Abantwana abangekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni abanqwenela ukuvula ii-akhawunti mabeze nabalondolozi babo basemthethweni, okanye nomzali okanye abazali.
Faka imali yokuqalisa eyi R10.
Qaphela: Ungaqhuba iinkonzo zebhanki kwiibhrentshi zePosi ezingaphezulu kwe 1300 nakooMatshini beMali be-Saswitch abangaphezulu kwama 8000.


Umthetho osetyenziswayo



Post Office Act, 1998  UMthetho weePosi



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 



Isicelo sithabatha imizuzu eli 10 ukuya kwengama 20, kuxhomekeke ukuba loo bhrentshi yeposi ixakeke kangakanani na.



Iindleko



Kufuneka idipozithi yokuqalisa eyi R10.



Iifom



Iifom zezicelo zifumaneka kuzo zonke iiPosi elizweni jikelele.





Linkcukacha zonxulumano



Thetha noManejala weBhrentshi yePosi okanye tsalela umnxeba kwinombolo ethi: 0800 53 54 55


