﻿
Isicelo sepemethe yokwemba umgodi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yokwemba umgodi ngumqulu okhutshwa liSebe leZimbiwa naMandla okuvumela ukuba wembe umgodi wesimbiwa. Akukho mntu uvunyelwa ukuba embe umgodi wesimbiwa engakhange afumane ipemethe yokwemba umgodi.

Iipemethe zokwemba imigodi azitshintsheleki komnye umntu. Ezi pemethe zijonge ekulawuleni ukukhangelwa kobukho besimbiwa kunye nokombiwa komgodi wesimbiwa ngokuthathela ingqalelo iingqwalaselo zempilo nokhuseleko, ulawulo lwemo yokusingqongileyo kunye nokugronjwa kwezimbiwa ngokunenkathalo.

Ipemethe yokwemba umgodi isebenza ithuba lexesha elichazwe kwipemethe, kodwa eli xesha alinakudlula iminyaka emibini. Kodwa ke, le pemethe ingavuselelelwa elinye ithuba lezihlandlo ezintathu ezingadlulanga unyaka, isihlandlo ngasinye.

Ipemethe yokwemba umgodi ingakhutshwa kuphela xangaba:

esi simbiwa sibandakanyekayo singembiwa ngokugqibeleleyo iminyaka emibini
ummandla womgodi awudluli kwi- 1.5m² yobungakanani
akukho mntu ungomnye onelungelo lokukhangela ubukho besimbiwa, ilungelo lokwemba umgodi, ipemethe yokwemba umgodi okanye ipemethe yokugcina umgodi yesimbiwa esinye nomhlaba omnye.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo kwi-ofisi yoManejala weNgingqi weSebe leZimbiwa naMandla okwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
Zalisa iFom F ekuthiwa yi: Apply for mining permit, efumaneka kwi-ofisi yoManejala weNgingqi. Ungayikhupha le fom nakwi-website elapha ngezantsi.
Thumela ifom ikunye nentlawulo echaziweyo nengabuyiswayo, kwi-ofisi yoManejala okwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
UManejala weNgingqi uyakusivuma isicelo ukubangaba zonke iimfuneko zifezekisiwe.
Sakuba sivunyiwe isicelo sakho, uManejala weNgingqi uyakukucela ukuba uthumele isicwangciso sokulawula imo yokusingqongileyo kwaye ubonisane nomnikazi-mhlaba kunye nomntu ohlala ngokusemthethweni kulo mhlaba, ndawonye nawuphina omnye umbandakanyeki ochaphazelekayo.
Thumela isiphumo soku kubonisana kuManejala kwisithuba seentsuku ezingama- 30.
UMphathiswa uyakuyikhupha ipemethe yokwemba umgodi ukubangaba zonke ezi mfuneko zifezekisiwe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Mineral and Petroleum Resources Development Act, 2002  

Regulations to the Mineral and Petroleum Resources Development Act, 2002  

Broad based socio economic empowerment charter for the South African mining industry 


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

UManejala weNgingqi uya kukwazisa kwisithuba seentsuku ezili- 14 ukubangaba isicelo sakho siphumelele, oku kuthetha ukuba uzifezekisile zonke iimfuno.
Ukubangaba isicelo asiphumelelanga, uManejala weNgingqi uyakusibuyisela kuwe kwisithuba seentsuku ezili- 14.

Entla

Iindleko

Iindleko ziyakuqulungqwa lisebe kwaye azibuyiswa.
Ubungakanani bemali buyakwahluka ngokwesimbiwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Form F: Apply for mining permit

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


