﻿
Isicelo selungelo lokwemba umgodi 
Inkcazelo

Ilungelo lokwemba umgodi yimvume enikwa nguMbuso ngokweSebe leZimbiwa naMandla, ekunika igunya lokwemba izimbiwa emgodini kummandla othile.

Ilungelo lokwemba umgodi alinakudlula iminyaka engama 30.

Ilungelo lokwemba umgodi liyanikwa xangaba:

Esi simbiwa singembiwa ngokugqibeleleyo
Umenzi-sicelo unayo imali kunye nobuchule bokwemba esi simbiwa ngokugqibeleleyo,
Isicwangciso sokuxhasa ngemali siyangqinelana nale nkqubo yokwembiwa komgodi kunye nexesha elizakuthatyathwa yile nkqubo.
Akuyi kubakho ngcoliseko okanye monakalo ongamkelekanga kwimo yokusingqongileyo ngenxa yale nkqubo yokwemba umgodi.
Umenzi-sicelo wenze amalungiselelo ezemali kunye namanye amalungiselelo esicwangciso esichaziweyo sentlalo nesabasebenzi.
Umenzi-sicelo akawophuli uMthetho woPhuhliso lweZimbiwa ne-Petroleum ekuthiwa yi-Mineral and Petroleum Resources Development Act, 2002 .
Le nkqubo iyahambisana noMqulu weMigodi 

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZimbiwa naMandla.

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo kwi-ofisi yoManejala weNgingqi weSebe leZimbiwa naMandla okwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
Zalisa iFom B ekuthiwa yi: Application for a mining rights, efumaneka kwi-ofisi yoManejala weNgingqi. Ungayikhupha le fom nakwi-website ekweli phepha.
Yisa le fom ngesandla okanye uyithumele ngeposi kuManejala weNgingqi kwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
Le fom kufuneka ikhatshwe yintlawulo yesicelo engabuyiswayo njengoko ichazwe nguManejala weNgingqi.
Ukubangaba uManejala weNgingqi uyasamkela isicelo sakho, uyakuthi kwisithuba seentsuku ezili 14 ukusukela kumhla wokwamkela isicelo, akwazise ukuba:

Uthumele isicwangciso senkqubo yokulawula imo yokusingqongileyo ukuze ivunywe

Umthetho osetyenziswayo
Mineral and Petroleum Resources Development Act, 2002  UmThetho woPhuhliso lweZimbiwa ne-Petroleum
Mineral and Petroleum Resources Development Regulations – Government Gazette No. 26275  IMigqaliselo yoPhuhliso lweZimbiwa ne-Petroleum – iGazethi kaRhulumente Namba 26275
Broad Based Socio Economic Empowerment Charter for the South African Mining Industry UMqulu oPhangaleleyo weShishini leMigodi yaseMzantsi Afrika wokuNika aMandla kwiNtlalo noQoqosho
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
UManejala weNgingqi uyakukwazisa ngencwadi ebhaliweyo ukubangaba isicelo samkelwe, oku kuthetha ukuba isicelo sakho sihambisene nazo zonke iimfuneko, kwisithuba seentsuku ezili 14 esifumene isicelo, kwaye akuyalele ukuba ubonisane nomnikazi-mhlaba, umntu ohlala kulo mhlaba, ndawonye nabo bonke abanye ababandakanyeki abachaphazelekayo.
Ukubangaba asiphumelelanga isicelo, uManejala weNgingqi uyakusibuyisela kuwe kwisithuba seentsuku ezili 14.

Ukubangaba uMphathiswa uyala ukukhupha ilungelo lokwemba umgodi, kufuneka akwazise, kwisithuba seentsuku ezingama 30, kwaye achaze izizathu zokwala esi sicelo.

Iindleko

Iindleko ziya kuqulunqwa lisebe kwaye azibuyiswa.

Ubungakanani bemali buyakwahluka ngokwesimbiwa

Iifom ezigcwaliswayo

Form D: Application for a mining right

Iinkcukacha zonxulumano


