

Isicelo seenzuzo zekhefu yokubeleka kwiNgxowa-mali yokuKhusela ukuNgasebenzi ekuthiwa yi-Unemployment Insurance Fund 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Injongo yezibonelelo zokufumana umntwana okanye ukubeleka kukubuyekeza umntu okhupha intlawulo  ofanelekileyo ngethuba lokukhulelwa nelokubeleka.

Isicelo masenziwe ngokukhawuleza ekuqaleni kwekhefu lokubeleka  okanye kungenjalo kwisithuba seenyanga ezintandathu zokuzalwa komntwana.

Imiqathango yokufaneleka:

Umntu okhupha intlawulo  makabe ufumana nganeno kunomvuzo oqhelekileyo ngalo gama ekwikhefu lokubeleka.

Ngokuxhomekeke kwiintsuku anazo  aziqokeleleyo, izibonelelo zingahlawulwa ukuya kufikelela kwiintsuku eziyi-121 ubuninzi.

Kwimeko yokuphuma kwesisu/ukuzalwa komntwana eswelekile , intlawulo yenziwa kwithuba elingangeeveki ezintandathu ubuninzi.

Isatifikethi sonyango  esiqinisekisa ukukhulelwa kunye/okanye ukuzalwa komntwana masingeniswe .


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qhagamshelana neziko lemicimbi yezabasebenzi elikufutshane kuwe ukuze ufumane iifom ezifanelekileyo.
Zalisa uze ubuyise ezi fom nesatifikethi sonyango kwiziko lemicimbi yabasebenzi .
Yiza nesazisi esiluhlaza esinebhakhowudi enamanani ayi-13 .
Khumbula ukunikezela iinkcukacha zebhanki ezichanekileyo njengoko ziqinisekisiwe yibhanki yakho.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Unemployment Insurance Act, 2001  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kwakuba kufunyenwe onke amaxwebhu, i-UIF ithembisa ukuwasebenza okanye ukuwagqiba amabango kwisithuba seeveki ezintandathu.

Entla

Iindleko

Le ntlawulo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for maternity benefits, UI-2.3 
Application to pay UIF benefits into banking account, UI-2.8 
UI-2.7 
Application for continuation of payment for maternity benefits, UI-4

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


