Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo selayisensi entsha yompu
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukujongana nomthetho
Imipu
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Ungenza izicelo ngexesha elinye zokuvuselela ilayisensi okanye iilayisensi ezahlukeneyo onazo zemipu. Kusetyenziswa la maxesha alandelayo, ngokwemihla yokuzalwa:
Umhla wokuzalwa
Ixesha lokuvuselela
Phatha le miqulu ilandelayo uyise kwiGosa eliSebenza ngeMipu kwisikhululo samapolisa esikufuphi kwindawo ohlala kuyo:
o incwadi yakho yesazisi egunyazisiweyo o ilayisensi okanye iilayisensi eziluqobo lwazo, ipemethe okanye ugunyaziso lompu okanye lwemipu onqwenela ukuyivuselela o isatifiketi soqeqesho esiluqobo lwaso esifunyenwe kumniki-nkonzo zoqeqesho onoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa o iSatifiketi soLwazi neZakhono esiluqobo lwaso (ukuba sesikhutshiwe)
o iifoto zombala eziphume ngokucacileyo, ezilingana kwipaspoti kwaye ezingagqibanga iinyanga ezintathu zifotiwe (kufuneka iifoto ezimbini kuzo zonke iilayisensi onqwenela ukuzivuselela kunye neefoto ezimbini zesicelo sesatifiketi solwazi nezakhono).
IGosa eliSebenza ngeMipu liyakukunika isiqwengana sephepha lokuhlawula SAPS 523a kwaye likuthumele kwi-ofisi yezemali kwisikhululo samapolisa ukuze uhlawule iR70 yesatifiketi solwazi nezakhono kunye ne R70 yelayisensi nganye yemipu ofuna ukuyivuselela. Le ntlawulo mayenziwe ngekhetshi okanye ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki. Uyakunikwa irisiti yenkcitho Z263 njengobungqina bentlawulo. Yisa le Z263 kwiGosa eliSebenza ngeMipu ukuze liqhubeke ngesicelo sakho.
Uyakufumana incwadi esayiniweyo evuma ukufunyanwa kwesicelo (SAPS 523), njengobungqina bokuba uzifakile izicelo zokuvuselela ilayisensi okanye iilayisensi zemipu.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
IGosa eliSebenza ngeMipu liyakuqhuba uphengululo lokukujonga ukuba ingaba ungumntu ofanelekileyo nokulungeleyo na ukubanompu. IGosa eliSebenza ngeMipu liyakuya kuhlola nqo indawo yakho ukuze liqonde amanyathelo ezokhuseleko kwindawo yakho nakwiindawo ezijikeleze le ndawo, lijonge ibhokisi yokugcina umpu ngokukhuselekileyo (iseyifu), lingqine ukuhambisana nemigangatho yoGunyaziwe weMigangatho waseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-South African Bureau of Standards (SABS). Ukubangaba ufumene ilayisensi yompu phambi komhla we 1 Julayi 2004 kwaye kufuneka uvuselele loo layisensi, akukho mfuneko yokuthenga ibhokisi entsha yokugcina umpu ngokhuseleko. Iimfuneko ezikhoyo ngokweMigqaliselo yeZixhobo neeMbumbulu zokuDubula, zika 1994, zithathwa ngokuba ziyamkeleka. Ukubangaba nayiphina ibhokisi yokugcina umpu ngokhuseleko ayihambisani nezo mfuneko, kufuneka uthenge entsha ehambisana nemigangatho ye-SABS.
Sakube isicelo okanye izicelo zakho ziqwalaselwe ngempumelelo, iGosa eliSebenza ngeMipu liyakunxulumana nawe nqo ngobuqu bakho ukuze uyokuthatha isatifiketi sakho solwazi nezakhono (ukubangaba asikakhutshwa) kunye nelayisensi okanye iilayisensi zakho zemipu.
Entla
Iindleko
Isatifiketi solwazi nezakhono: R70
Ilayisensi nganye: R70
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
