
Isicelo sokubhaliswa njegomvelisi,ongenisa imoto zakwamanye amazwe okanye owakha iimoto
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umntu ovelisa, akhe, aguqule okanye angenise iimoto zangaphandle eMzantsi Afrika ngenjongo zorhwebo, okanye ukuthengisa kufuneka abhalise KwiCandelo leZothutho.

Lisakufumana isicelo iCandelo lezoThutho lizakuthumela umhloli oza kuhlolisisa umceli ukuba uyilandele imigomo efanelekileyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Dibana neCandelo leZothutho kwiphondo lakho.
Yiza nalamaxwebhu alandelayo:

ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi
ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi soshishino
incwadi yelungelo lokumela xa umele inkampani
inani lengqokelela lomthetho wekxaso ophuma kuNcedo laBabuti beRhafu eMzantsi Afrika, xa ungenisa impahla yangaphandle eMzantsi Afrika
isatifiketi esisusa ukuthandabuzeka kwemoto esiphuma kuNcedo laMapolisa ase Mzantsi Afrika.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolo suku lwesicelo, isatifiketi sobhaliso sona sikhutshwe ngosuku olulandelayo.

Entla

Iindleko

