﻿

Isicelo selayisensi yenkonzo yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

UmThetho wokuSasaza  uchaza iNkonzo yoSasazo lweZandi ekhupha imitha yaMandla akwizinga eliPhantsi njengenkonzo yosasazo lwezandi yabahlali, yabucala okanye yoluntu, ekhupha imitha yamandla angagqithanga kwi-watt enye. Iinjongo zeLayisensi yoSasazo lweZandi ekhupha imitha yaMandla akwizinga eliPhantsi kukufezekisa ezi zinto zilandelayo:

ukunabisa umba 'wofikelelo' ukusukela kwilungelo lokufumana inkcazelo ukuya kutsho ekubandakanyeni ufikelelo olwandileyo kwizinto neendlela zemveliso yosasazo.
Ilungelo lenkululeko yamaphephandaba kunye nezinye iinkonzo zosasazo lweendaba, inkululeko yokufumana nokukhupha inkcazelo kunye nemibono, inkululeko yemveliso enobugcisa kunye nenkululeko yemfundo, kunye nenkululeko yophando lwenzululwazi.
ngokwembono yophuhliso, umba wokulingana ubalulekile ekulungelelaniseni amacandelo okudlala indima kwishishini losasazo, ngokukhuthaza abangeni abatsha kule marike.

ILayisensi yoSasazo lweZandi olukhupha imitha yaMandla akwizinga eliPhantsi inganikwa kula macandelo alandelayo:

Iinkonzo zorhwebo zosasazo lwezandi ezikhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi – iinkonzo ezisebenzela, kwaye ezisasazela, kwimimandla emikhulu yoobhazabhaza beevenkile okanye kumaziko eevenkile, kumabala emidlalo, kumabala emiboniso kunye nakumaqonga emiboniso yeebhanyabhanya okanye nayiphina inkonzo efana nezi iGunya elingayibona ifanelekile.
Iinkonzo zoluntu zosasazo lwezandi ezikhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi – iinkonzo ezisebenzela, kwaye ezisasaza, kumakhaya wabantu abadala, unxulumano phakathi kweendawo zokunqula, unxibelelwano phakathi kweendawo zokunqula namakhaya wabantu abadala, okanye nayiphina enye inkonzo efana nezi iGunya elingayibona ifanelekile.

Iilayisensi zabahlali kunye nezorhwebo, zosasazo lwezandi olukhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi, ziya kusebenziseka iminyaka emithathu kwaye ilayisensi yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla ekwizinga eliphantsi yezenzeko zexeshana iya kusebenziseka iintsuku ezingamashumi amathathu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Chonga intshukumo efanelekileyo yamaza okusetyenziswa kwemitha yamandla akwizinga eliphantsi.
Beka indawo eyakuba sisiza sokusasazela nokukhupha amaza omoya.
Seka itim  yabantu abasebenza ngesicelo ukuze le tim ithabathe uxanduva lwenkqubo yesicelo kwaye ibengumenzi-sicelo egameni labaququzeleli bezenzeko.
Qinisekisa ukuba le tim yenza ezi zinto zilandelayo:

Iqokelela iisignitsha kubahlali
Ibhala isicwangciso seshishini
Iphembelela ukonyulwa kwamalungu eBhodi ngenkqubo yedemokhrasi.

Cela ikopi yenkonzo yosasazo kunye nefom yesicelo sokuhambisa iintshukumiso zemitha yosasazo.
Zalisa ifom yesicelo ngoonobumba abangadityaniswanga, kwaye usebenzise oonobumba abakhulu.
Hambisa ifom yesicelo eluqobo lwayo kunye neekopi eziqinisekisiweyo ezili 16 kuGunyaziwe oZimeleyo woNxibelelwano waseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-Independent Communications Authority of South Africa , ihambe nentlawulo yesicelo.

Izicelo ezingagcwaliswanga ngokupheleleyo ziyakuphindiselwa kumenzi-sicelo kwaye akuyi kwamkelwa xanduva lonyibelo okanye ukonakalelwa okwenzekileyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Electronic Communications Act, 2005  UMthetho woNxibelelwano ngeKhompyutha ka-2005
Broadcasting Act, 1999   

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukuvunywa kwale layisensi kungathabatha iinyanga ezi 2 ukuya kwezi 3.

Entla

Iindleko

Ilayisensi yorhwebo: R5 000


Intlawulo engabuyiswayo eyi- R 500 kwakube kukhutshwe ilayisensi


Ilayisensi yoRhwebo yeZenzeko zeXeshana: R2 000

Ilayisensi yabahlali: R1 500


Intlawulo engabuyiswayo eyi R 200 kwakube kukhutshwe ilayisensi


Ilayisensi i-Community Special event licence: R 500



Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifom yesicelo iya kubayinxenye yoluhlu lweenkqubo zeGazethi kaRhulumente.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


