
Faka isikhalazo okanye yazisa iCandelo loBuqondisi obuZimeleyo beZikhalazo, ekuthiwa yi-Independent Complaints Directorate , ngokubhubha elugcinweni lwamapolisa ngenxa yenyathelo lamapolisa    



Inkcazelo 

Ungafaka isikhalazo okanye wazise iCandelo loBuqondisi obuZimeleyo beZikhalazo, ekuthiwa yi-Independent Complaints Directorate  ngokubhubha elugcinweni lwamapolisa ngenxa yenyathelo lamapolisa, ukungcungcuthekiswa okanye ubanjululo ngokobuhlanga. Le meko idla ngokubizwa ngokuba siSikhalazo soDidi 1 .

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiCandelo loBuqondisi obuZimeleyo beZikhalazo. 

Inkqubo emayilandelwe 



Xela ukubhubha elugcinweni lwamapolisa ngokutsalela umnxeba okanye ngokubhalela kwi-ofisi ye-ICD ekufuphi kuwe.
Kungenjalo, gcwalisa iFom yokuXela iSikhalazo kwaye uyithumele ngefeksi kwi-ofisi ye-ICD ekufuphi kuwe.
Nika i-ICD le nkcazelo ilandelayo:
Igama kunye neenkcukacha zokunxulumana nexhoba kunye nomkhalazi okanye zokunxulumana nomkhalazi.
Igama kunye nesikhundla sepolisa elikrokrelwayo.
Igama lesikhululo samapolisa okanye umasipala apho ipolisa elikrokrelwayo lisebenza khona.
Inombolo yetyala yamapolisa, ukuba ikhona.
Umhla, ixesha kunye nohlobo lokungakwazi ukunceda ixhoba.
Iinkcukacha zamangqina, ukuba akhona.


Umthetho osetyenziswayo 

South African Police Service Act, 1995 , Section 53  UMthetho weNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika, wango 1995 , Icandelo 53 



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 



I-ICD iyakuphanda eli tyala ngokutyelela indawo yesenzo sobugebenga nokuthabatha izitetimenti kwingqina/kumangqina.
Uphando lungathabatha iintsuku ezingama 30 okanye nangaphezulu, kuxhomekeke kubunzulu betyala.
I-The ICD iyakuthumela ingxelo eneziphakamiso kuMqondisi woTshutshiso loLuntu  kwaye ithumele ikopi yeNgxelo yaMapolisa aseMzantsi Afrika kwiklayenti.
I-ICD iyakuthumela iNgxelo yeSebe yokuthabatha aManyathelo ye-SAPS yokuvela enkundleni kwiklayenti.
I-ICD iyakuthumela iNgxelo yokuFumanisa iTyala/ukuNgafumanisi iTyala okanye yeSohlwayo/ukuNgafumanisi Tyala  kwiklayenti.
Ukukhutshwa kweengxelo zokugqibela zentshayelelo kungathabatha iintsuku ezingama 180.
Zonke iingxelo ezifakwe kuvimba wenkcazelo zingathabatha iiyure ezingama 48.
Ukukhutshwa kweengxelo zokugqibela zeziphakamiso kungathabatha iintsuku ezili 14 emva kokufunyanwa kweengxelo zobuchule.



Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

Complaint Reporting Form: ICD FORM 7 

Iinkcukacha zonxulumano 


