﻿

Isicelo sokufaka isikhalazo sokuziphatha kakubi okanye sezenzo ezigwenxa zamalungu eNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye eeNkonzo zaMapolisa kaMasipala




Inkcazelo 

Injongo yale nkonzo kukulungiselela uluntu lukwazi ukufaka izikhalazo kwiCandelo loBuqondisi obuZimeleyo beZikhalazo, ekuthiwa yi-Independent Complaints Directorate . Ukubangaba ufaka isikhalazo kwi-ofisi yelizwe ye-ICD, umbandela uyakubhekiswa kwi-ofisi ebandakanyekayo yephondo  ukuze uphandwe.

Iintlobo zezikhalazo ezingafakwa kwi-ICD:

Isikhalazo soDidi II: Isikhalazo sokungalandeli kweNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ngokoMthetho woBundlobongela baseKhaya ekuthiwa yi-Domestic Violence Act, 1998 , ngamanye amazwi ukubangaba ipolisa leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye likaMasipala aliphumelelanga ukuhambisana nemimiselo yoMthetho woBundlobongela baseKhaya .
Isikhalazo soDidi III: Isikhalazo esityhola ukuba ipolisa okanye amapolisa abandakanyeka kwisenzo esigwenxa esikhokelele kulwenzakalo lomzimba olumasikizi oludinge unyango olungenisa isigulane esibhedlele. Oko kuziphatha kakubi okanye eso senzo sigwenxa kufuneka sibe senzeke ngexesha umntu eselugcinweni lwamapolisa. Le miba ilandelayo ludweliso lwezikhalazo zoDidi III:
Ukusebenzisa kakubi amandla okunochaphazelo olubonakalayo kubahlali malunga nolwenzakalo olwenziweyo, inani labantu abachaphazelekayo, ubungakanani bemali ebandakanyekayo, isithuba sexesha eyenzeke ngalo.
Ukutshisa ngabom
Ukubetha ngeenjongo zokulimaza umzimba kanobom, okanye ukuzama ukubulala
Ukuthwala okanye ukuba umntu
Ukuthintela inkqubo yomthetho
Ukwenza ubuqhinga nokukhohlisa : ukwamkela incwadi yobuqhinga  usazi ukuba yeyobuqhinga ukuyakutsho kwixabiso le R50 000 okanye nangaphezulu
Ubuqhetseba
Ukuhlasela okunamanyala
Ukuxoka uphantsi kwesifungo
Ubundlobongela esidlangalaleni
Ukugrogrisa
Ukuxhwila umntu 
Ukonakalisa impahla  ngabom
Ukuthabatha inxaxheba kumbutho wobugebenga.
Ukubanempahla ebiweyo
Ukudlwengula
Ukwamkela impahla ebiweyo
Ukuphanga
Ubuqhophololo
Ukwabelana ngesondo kwendoda nenye indoda 
Ubusela
Ukungcungcuthekisa
Ukucudusela umntu ukuze akunike into
Ukuxhokonkxa, ukwenza iyelenqe okanye ukuzama ukwenza nasiphina isenzo esigwenxa kwezi zixelwe ngasentla


Isikhalazo soDidi IV: Isikhalazo esityhola ukuba ipolisa leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye ipolisa leeNkonzo zaMapolisa kaMasipala, libandakanyeke kwisenzo esigwenxa okanye kwisenzo sokuziphatha kakubi esingekhoyo kwezi zidweliswe ngasentla okanye esingakhokelelanga ekubhubheni komntu okanye ekulimaleni komzimba ngokumasikizi.

Isikhalazo soDidi V: isikhalazo esingaphandle komda womsebenzi okanye womgaqo we-ICD.

Izikhalazo ezingenakufakwa kwi-ICD:

Izikhalazo zezehlo ezenzeke phambi kokusekwa kwe-ICD, oko kukuthi, zonke izehlo ezenzeke phambi kuka Epreli 1997. Nazo izehlo ezenzeke kwisithuba esingaphezulu konyaka phambi kokuba zixelwe kwi-ICD, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezingaqhelekanga ezizodwa.
Izikhalazo ngesitafu seeNkonzo zoLuleko , amagosa enkundla kunye namalungu oMkhosi woKhuselo waseMzantsi Afrika.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya the ICandelo eliZimeleyo leZikhalazo

Inkqubo emayilandelwe 

Yiya uyokufaka isikhalazo ngokwakho, ngomnxeba, ngencwadi okanye nge-email kwi-ofisi ye-ICD ekufuphi. Zonke izikhalazo mazifakwe ngeeyure zokusebenza, phakathi kwentsimbi yesi 8h00 neye 16h30.

Gcwalisa iFom yokuXela iSikhalazo, ekuthiwa yi-Complaint Reporting Form  uze uyithumele ngefeksi kwi-ofisi ye-ICD ekufuphi kuwe. 
I-ICD ingakucela ukuba unike inkcazelo eyongeziweyo phambi kokuba kuphandwe ngesikhalazo. 
Ukubangaba uye ngokwakho ubuqu, uyakubonisana nomsebenzi ojongene nezikhalazo okanye umcazululi. 

Umthetho osetyenziswayo 

South African Police Service Act, 1995  UMthetho waMapolisa aseMzantsi Afrika, wango 1995 



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukuqhubekiswa kwezikhalazo:

Ukwamkelwa kotyelelo lweklayenti kungathabatha imizuzu emihlanu.
Ixesha lokulinda udliwano-ndlebe nomsebenzi ojongene nezikhalazo okanye umcazululi, kungathabatha imizuzu engama 30.
Ukungqinwa kokufunyanwa kwesikhalazo ngencwadi ebhaliweyo kungathabatha iintsuku ezingama 30.
Ingxelo ngenkqubela yesikhalazo ingathabatha iintsuku ezingama 30
Ingxelo yokugqibela ingathabatha iintsuku ezingama 90

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

Complaint Reporting Form: ICD FORM 1 IFom yokuXela iSikhalazo: ICD FORM 1
DVA FORM 



Iinkcukacha zonxulumano   


