﻿

Isicelo sokufaka isikhalazo sokungaphumeleli kweNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ukunceda okanye ukukhusela amaxhoba obundlobongela basekhaya




Inkcazelo 

Ungafaka isikhalazo kwiCandelo loBuqondisi oBuzimeleyo beZikhalazo, ekuthiwa yi-Independent Complaints Directorate  ukubangaba ucinga ukuba ipolisa okanye amapolisa athile eNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika asilele okanye akaphumelelanga ukuhambisana nemimiselo yoMthetho woBundlobongela baseKhaya, ekuthiwa yi-Domestic Violence Act, 1998 . Nawuphina umntu onomdla, amaxhoba obundlobongela basekhaya okanye imibutho enganxulumananga norhulumente, angafaka isikhalazo. Ezinye zezi zikahlazo zingabandakanya ukungaphumeleli kwezi zinto zilandelayo:

Ukubamba ummangalelwa;
Ukunceda umkhalazi amangale, afumane indawo yokusithela efanelekileyo, afumane unyango, ukukhapha umkhalazi ayokuqokelela impahla yakhe kunye nokoxutha izixhobo eziyingozi kumxhaphazi;
Ukucebisa umkhalazi ngezinto angakhetha ukuzenza, okufana nokungaphumeleli ukucebisa umkhalazi afake ityala lobugebenga okanye enze isicelo somyalelo wokukhusela, okanye zombini ezi zinto kunye
Nokungakwazi ukubiza ummangalelwa ngomyalelo wokumnyanzela aye enkundleni.
Ubundlobongela basekhaya benzeka xa umntu obandakanyekana naye kubudlelwane basekhaya esenza ezi zinto zilandelayo:
Ekuxhaphaza ngokwasemzimbeni okanye ngokwesondo, umzekelo, akubethe okanye akudlwengule.
Ekuxhaphaza ngentetho, ngokwasemoyeni okanye ngokwasengqondweni, umzekelo, uyakuthuka, unesikhwele esigqithileyo.
Ekuhlelele ngokukuhlupha, umzekelo, athi gqolo ukukutsalela umnxeba oku kucaphukisayo, akubhalele okanye athumele izinto kuwe, okanye agade iindlela zakho.
Engena kwakho ngaphandle kwemvume yakho.
Ekuxhaphaza ngokwezoqoqosho nangokwemali, umzekelo, xa indoda okanye isinqandamathe sinyanzelisa ukwenza zonke izigqibo ngemali okanye sisala ukuhlawulela ukutya, iimali zesikolo, njalo-njalo.
Ekugrogrisa, umzekelo, esoyikisa ngokukubulala xa ufuna ukuya emapoliseni.
Esonakalisa impahla yakho, umzekelo, etshisa impahla yakho yokunxiba, esophula ifenitshala okanye egqabhuza amatayari emoto yakho.
Esaphula umyalelo wokukhusela okhoyo nosebenzayo.
Eziphatha ngayo nayiphina indlela yokuxhaphaza ebeka esichengeni ukhuseleko lwakho, impilo yakho okanye intlalontle yakho.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwi Candelo loBuqondisi obuZimeleyo beZikhalazo. 

Inkqubo emayilandelwe 

Yiya uyokufaka isicelo ngokwakho, ngomnxeba, ngencwadi okanye nge i-E-mail kuyo nayiphina i-ofisi ye-ICD.
Njengomkhalazi, gcwalisa ifom yokubhalisa yoMthetho woBundlobongela baseKhaya, ekuthiwa yi-Domestic Violence Act .
Nika i-ICD le nkcazelo ilandelayo:
Ingxelo okanye isitetimenti sokwenzekileyo
Igama kunye neenkcukacha zokunxulumana nexhoba kunye nomkhalazi okanye zokunxulumana nomkhalazi.
Igama kunye nesikhundla sepolisa okanye samapolisa akrokrelwayo
Igama lesikhululo samapolisa
Inombolo yetyala yamapolisa, ukuba ikhona
Umhla, ixesha kunye nohlobo lokungahambisana noMthetho woBundlobongela baseKhaya 
Iinkcukacha zamangqina, ukuba akhona.


Umthetho osetyenziswayo 

Domestic Violence Act, 1998 , Section 18 UMthetho woBundlobongela baseKhaya, wango 1998  Icandelo 18
National Instructions regarding Domestic Violence: 7/1999 

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ixesha lokulinda udliwano-ndlebe – imizuzu engama 30
Incwadi ebhaliweyo engqina ukuba isikhalazo sifunyenwe – kwisithuba seentsuku ezingama 30
Ingxelo yenkqubela – kwisithuba seentsuku ezingama 30
Ingxelo yokugqibela – kwisithuba seentsuku ezingama 90

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa

Iifom ezigcwaliswayo

Domestic Violence Act  registration form .



Iinkcukacha zonxulumano 


